UMosa Lebusa uthi ayifuni kujongelwa phantsi iMagesi FC

Musa Lebusa ngumdlali weMamelodi Sundowns. Umfanekiso: MS

Namhlanje ngorhatya, amaqela amabini aza kulwela ukuphakamisa indebe yeCarling Knockout Cup esesichengeni emva kokubethwa kweStellenbosch FC ebiziintshatsheli zonyaka ophelileyo. Loo maqela yiMamelodi Sundowns neMagesi FC.

La maqela mabini aza kuswantsulisana emdlalweni obekelwe intsimbi yesithandathu (18:00) eToyota Stadium. Omabini amaqela adlale ngendlela encomekayo emidlalweni yayo egqithileyo kwaye azimisele ukunika abalandeli bebhola ekhatywayo umdlalo osemgangathweni ophezulu.

Umdlali weSundowns odlala emva, uMosa Lebusa, uvumile ukuba ingayimpazamo enkulu ukuba abanokuyihlonipha iMagesi emdlalweni wanamhlanje. OkaLebusa ukuthethe oku phambi komdlalo wanamhlanje.

“Ingaba senza impazamo ukuba singacinga ukuba iMagesi FC liqela elincinci,” utshilo uLebusa ethetha neentatheli phakathi evekini. Nangona iMagesi ifike ekuqaleni kwesizini kwiBetway Prermiership – kodwa iwise amaqela afana nePirates, iRichards Bay neTS Galaxy endleleni.

ULebusa uyazi ukuba iMagesi uza kuzama ukuzilwela futhi iyafuna ukuphumelela. “Ukufikelela kwayo emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup kuyasixelela ukuba siza kudibana neqela elidlala kakuhle futhi ekufuneka lihlonitshwe.

“Siza kuya emdlalweni ngamandla wethu onke ngoba sifuna ukuyikrwitshwa iMagesi ingaphefumli,” utshilo uLebusa. UManqoba Mngqithi uza kuthembela kubadlali abafana noLucas Ribeiro, uPeter Shalulile noMarcelo Allende oyinjini yeSundowns.