Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, awumothusanga tu umdla we-Al Ahly kuKhama Billiat. Ekuqaleni kwale veki kuvakele iindaba ezithi eli qela laseYiphutha limfuna kakhulu lo mdlali weSundowns.
UBilliat ngoyena mdlali usematheni phantse kubo bonke abalandeli bebhola eMzantsi Afrika ngenxa yomsebenzi wakhe ophucukileyo awenzela iqela lakhe. Kwisizini ephelileyo, uKhama Billiat, ufumene phantse zonke iimbasa eziphambili kwi-Absa Premier Soccer League emva kokunceda iSundowns ephumelele iindebe ezimbini ezibalulekileyo.
Khange kuphelele apho ngoba lo kaBilliat, okwayinxalenye yeCBD eyenze iziqwenga kwibhola yoMzantsi Afrika kwezi nyanga zidlulileyo, uthathe umdlalo wakhe wawunyusa ngakumbi kwimidlalo yeCaf Champions League ethe gabhu kuyo ngoku iMamelodi Sundowns. Kwiveki ephelileyo, uBilliat, uphinde wenza ezibukwayo ngethuba efaka igowuli lempumelelo leSundowns xeshikweni ibetha iZamaleki ngo’2-1 kwisixeko esikhulu iCairo, eYiphutha, apho bekudlalelwa khona umdlalo weCaf Champions League. Kulapho kanye lo mdlali abonwe khona zezi zangxa zezwekazi le-Afrika. Ethetha ngale nto umqeqeshi weSundowns uthe: “Yinto entle le yokufunwa kwalo mdlali, ifana nqwa nale yenzeka kuBongani Zungu,” utshilo uMosimane.
“Xa udlala kumgangatho ophezulu, uze udlale kakuhle, kuqhelekile ukufunwa ngamaqela amakhulu. Ndivuya xa umdlali wam efunwa ngamaqela amaninzi. Lo nto ithetha ukuthi ikhona into entle esiyenzayo. Khawufan’ ucinge xa unomdlali ongafunwayo? Ndidlalile mna eYurophu, kutheni ke bona aba badlali bengenakudlala khona? Ukuba akukho ndlela yokuya eYurophu, makaye kumaqela adlala kumgangatho ophezulu kwalapha e-Afrika,” ulebele ngalo mazwi uMosimane.
Amaqela ebhola ekhatywayo aseYiphutha neqela lesizwe lakhona aziwa ngokugqugqisa kwizwekazi leAfrika, kwaye abadlali bela lizwe badlalela ekhaya.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile