UMosimane noManyama bazuze amawonga ePSL

Pitso Mosimane coach of Mamelodi Sundowns and Lebogang Manyama of Cape Town City with coach and Player of the month during theAbsa Premiership POM and COM awards on the 29 March 2017 at PSL Offices © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ufumene iwonga lenyanga ngomsebenzi oncomekayo awenza kwiqela lakhe. ULebogang Manyama, ukaputeni weCape Town City, uphinde wathiwa jize ngewonga lenyanga okwesithathu kule isizini ka-2016/17. Umsitho wala mawonga ububanjelwe kwi-oofisi zePremier Soccer League, eGoli, izolo.

UManyama uhamba phambili ngamagowuli alishumi elinesibini kwaye udlala kakuhle kakhulu kwiqela lakhe laseKapa. Ukudlala kakuhle kwakhe kumnike ithuba lokudlala nakwiqela lesizwe, iBafana Bafana.

“Ndiyazingca kakhulu ngokuphinda ndibuyele apha – kodwa bekungenokwenzeka oku ngaphandle kweqela lam” utshilo uManyama.

Ukwathe nakweli ityeli akakakucingi ukuphumelela amawonga ekupheleni kwesizini kodwa wathi ugxile ekuncedeni iqela lakhe ukuze lidlale kakuhle njengoba iqela lakhe emva kokufumana iTelkom Knockout. Ukwathe angonwaba kakhulu ukuba iqela lakhe lingagqwesa ukudlula amanye amaqela ngaphambi kokuba yena abengumdlali ohamba phambili.

UMosimane ufumene eli wonga emva kokuba iSundowns itywatyushe i-Orlando Pirates ngo’6-0, yaqokelela amanqaku aphelele idlala neBidvest Wits. Nokuba idlala kwezinye itumente, iiBrazilians zenza kakuhle kwiPSL, ziqokelele amanqaku alishumi nambini kule nyanga ephelileyo.UJingles ubulele wonke umntu odlale indima ekuphumeleleni kwakhe eli wonga.

Pedro Maphelo's photo.

George Lebese of Kaizer Chiefs, Mar Van Heerden of Orlando Pirates and Percy Tau of Mamelodi Sundowns with goal of the month awards during theAbsa Premiership POM and COM awards on the 29 March 2017 at PSL Offices © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Kwakuwo lo msitho kubhengezwe abadlali abahlohle amagowuli amahle; uMarc van Heerden we-Orlando Pirates uphumelele imbasa ngegowuli awalifaka kwiBaroka FC kunyaka ophelileyo esekwiChippa United. UGeorge Lebese, odlala ephikweni kwiKaizer Chiefs, uphumelele iwonga ngegowuli awalifaka kwi-Ajax Cape Town. UPercy Tau, ongumdlali osematheni weMamelodi Sundowns, uphumelele ngegowuli awalifaka kwiFree State Stars kwinyanga yokugqibela ku’2016.