Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, ufumene iwonga lenyanga ngomsebenzi oncomekayo awenza kwiqela lakhe. ULebogang Manyama, ukaputeni
UManyama uhamba phambili ngamagowuli alishumi elinesibini kwaye udlala kakuhle kakhulu kwiqela lakhe laseKapa. Ukudlala kakuhle kwakhe kumnike ithuba lokudlala nakwiqela lesizwe, iBafana Bafana.
“Ndiyazingca kakhulu ngokuphinda ndibuyele apha – kodwa bekungenokwenzeka oku ngaphandle kweqela lam” utshilo uManyama.
Ukwathe nakweli ityeli akakakucingi ukuphumelela amawonga ekupheleni kwesizini kodwa wathi ugxile ekuncedeni iqela lakhe ukuze lidlale kakuhle njengoba iqela lakhe emva kokufumana iTelkom Knockout. Ukwathe angonwaba kakhulu ukuba iqela lakhe lingagqwesa ukudlula amanye amaqela ngaphambi kokuba yena abengumdlali ohamba phambili.
UMosimane ufumene eli wonga emva kokuba iSundowns itywatyushe i-Orlando Pirates ngo’6-0, yaqokelela amanqaku aphelele idlala neBidvest Wits. Nokuba idlala kwezinye itumente, iiBrazilians zenza kakuhle kwiPSL, ziqokelele amanqaku alishumi nambini kule nyanga ephelileyo.UJingles ubulele wonke umntu odlale indima ekuphumeleleni kwakhe eli wonga.
George Lebese of Kaizer Chiefs, Mar Van Heerden of Orlando Pirates and Percy Tau of Mamelodi Sundowns with goal of the month awards during theAbsa Premiership POM and COM awards on the 29 March 2017 at PSL Offices © Sydney Mahlangu/BackpagePix
Kwakuwo lo msitho kubhengezwe abadlali abahlohle amagowuli amahle; uMarc van Heerden we-Orlando Pirates uphumelele imbasa ngegowuli awalifaka kwiBaroka FC kunyaka ophelileyo esekwiChippa United. UGeorge Lebese, odlala ephikweni kwiKaizer Chiefs, uphumelele iwonga ngegowuli awalifaka kwi-
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!