UMosimane ukheth’ ukuya kwaFaro!

Pitso Mosimane

Abalandeli bebhola ekhatywayo bavuswe ziindaba ezithi uPitso Mosimane ukhethe ukulahla njengomqeqeshi weMamelodi Sundowns ukuze akwazi ukuya kwaFaro, iYiphutha, apho kulindeleke aqeqeshe iAl Ahly.

Oku kwenzeka emva kokuba uJingles encede iSundowns yaphumelela iindebe ezintathu zonke kwisizini yePSL ka2019/20. Phambi koko, uPitso utyikitye isivumelwano seminyaka emine kutshanje kwiSundowns ebiza kumamkelisa imali eqikelelwa kwisigidi seerandi (R1-million) ngenyanga.

Ngokwengxelo yeSowetan, iingxoxo phakathi kukaPitso neAl Ahly zingaququnjelwa ingaphelanga le veki. Ukuhamba kukaPitso kuqiniswe kakhulu kukuhamba kukaRene Weiler obeqeqesha iAl Ahly ekhokelwa nguMuhamed El Khatib osoloko encoma uPitso njengomnye wabaqeqeshi abaphambili kwizwekazi leAfrika.

Nangona ikhona into ethi neWaydad Casablanca yaseMorocco iyamfuna uPitso kodwa kukhangeleka ngathi iAl Ahly yeyona inethuba elicacileyo kwaye ifuna aqale kwangoko ukuze akwazi ukulungiselela imidlalo yeCAF Champions League.

Ukuba uvumelene neqela laseYiphutha, uPitso uza kwenza imbali ngokuba ngumqeqeshi wokuqala omnyama eMzantsi Afrika ofumene ithuba lokuqeqesha elona qela elikhulu kwizwekazi leAfrika nelinembali etyebileyo kakhulu.

Uya kuhamba efumbethe imbali entle namava awazuze eMzantsi Afrika agqugqise kuyo ukusukela oko wagxothwa kwiBafana Bafana emva kweNdebe yeHlabathi nakwizwekazi leAfrika.

Akayonkwenkwe ke kambe kwiAfrika iphela emva kokuzibalula ngethuba iSundowns iphumelela indebe yeChampions League ngo2016 neSuper Cup ngokulandelelana phambi kokusa iDowns kwitumente yehlabathi yamaqela emva koko.

Ingxelo ekhutshwe yiPowerFM izolo ithe uJingles ufuna ukuya kwaFaro nesekela lakhe uRhulani Mokwena nomnye umncedisi wakhe, uKabelo Ragoaga. Okunye okuphinde kwavela kukuba iAl Ahly izimisele ukuyihlawula iSundowns xa ithatha uPitso. Ukuba kunokuhamba abantu abaninzi, kwakushiyeka uManqoba Mngqithi ekucingeleka ukuba anganikwa uxanduva lokuxhuzula imikhala eChloorkop.

Umongameli weDowns, uPatrice Motsepe, umkhulule uMosimane watsho emnqwenelela okuhle emva kweminyaka esibhozo eqeqesha eliqela.