UMosimane ulinde ikhubeke iChiefs, ayisuse phezulu kwiPSL

Pitso Mosimane, coach of Mamelodi Sundowns reacts during the CAF Champions League match between Mamelodi Sundowns and USM Alger at Loftus Versfeld Stadium, Pretoria, on 11 January 2020 Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi weMamelodi
Sundowns, uPitso Mosimane, uthi awumxhalabisi umsantsa ophakathi kweqela lakhe
neKaizer Chiefs ephezulu ngoba ulinde igqwidize lithathe indawo yokuqala.
Amasandawana andwendwela i-Orlando Pirates emdlalweni we-Absa Premiership
omkhulu ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya namhlanje e-Orlando
Stadium. Umdlalo ubaluleke kuwo omabini amaqela ngoba iDowns ileqa iChiefs
ehleli phezulu – kanti nayo iPirates izama ukuqokelela amanqaku phantsi
komqeqeshi omtsha, uJosef Zinnbauer. Ngokokutsho kukaPitso, ixesha lokuba iqela
lakhe linyuse igiya emidlalweni yalo lifikile kwaye kufuneka iqale lo nto xa
lidibana nePirates emdlalweni ekulindeleke kutake iintlantsi kuwo namhlanje. UPitso
uthi ukholwa kukuwaleqa amaqela aphezulu ngoba yinto ayiqhelileyo leyo.

“Ndikholwa
kukulandela ngasemva. Leyo into ndiyakwazi ukuyenza. Xa ungekho phezulu, nguwe
ofaka uxinizelelo kulowo uphezulu. Ukuba iqela elo linabadlali abangomelelanga,
baya kukhubeka sitsho sifumane ithuba longena,” utshilo uPitso koonondaba
izolo. Kunyaka ophelileyo, iPirates yazama ukulwela indebe isephantsi kwesandla
sikaMilutin Sredojevic – kodwa yabhukuqwa yiSundowns kwindawo yokuqala.
UJingles uqhayise ngalo nto izolo. “Ndandikonwabele ukuleqa iPirates kunyaka
ophelileyo ngoba ndandisazi ukuba inabadlali abangazange bayiphumelela indebe
ye-Absa Premiership. Kodwa iChiefs yahlukile ngoba inoKhama Billiat, iLeonardo
Castro, iWillard Katsande no-Eric Mathoho abakhe bayiphumelela. Abanye abadlali
zange bayiphakamisa indebe. Ndiyakwazi ukuqubisana neqela elihleli phezulu,”
utshilo uPitso. Ngempelaveki, iSundowns iza kuthathana neSuperSport United
emdlalweni wedabi lasePitoli emalanga ngeCawe, eLucas Moripe Stadium. Nawo
Amatsatsantsa ancwase ukongeza enye indebe emva kokuphakamisa iMTN 8 ekupheleni
kuka-2019.