UMosimane uthi isende indlela ey’esicocweni!

UPitso Mosimane ongumqeqeshi weMamelodi Sundowns

Emva kokuba iqela lakhe liphose ithuba lokuvala umsantsa ophakathi kwalo neKaizer Chiefs emdlalweni obungoLwesibini ebusuku, uPitso Mosimane uthe ayimkhubekisanga indlela edlale ngayo iMamelodi Sundowns.

UJingles ukuthethe oku emva kokuba iSundowns ibambene ngeqanda neOrlando Pirates emdlalweni weAbsa Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium.

Ibingumdlalo wokuqala ngqa weAbsa Premiership ukusukela oko yamiswayo isizini eKwindla kulo nyaka ngenxa yekhorona.

AmaSandawana aye emdlalweni eyokulwela amanqaku amathathu abeza kuwasondeza kwiChiefs esahleli phezulu, kodwa akwenzekanga oko emva kokudlala umdlalo noko ongekho sezingeni ebelilindelwe ngabantu abaninzi.

Ukuxinga kweDowns akumxhalabisi uPitso othi indlela isende futhi kuseza kubethwa iintonga. Iqela lasePitoli lilwela ukukhusela indebe yalo, kanti yona iChiefs ilwela ukufumana indebe esele ineminyaka emihlanu ingasayifumani – into eyenza abalandeli bayo bahlale benolaka.

“Amaqela ebehlulelene ngomdlalo. Sidlale kakuhle kwisigaba sokuqala, kanti yona iPirates idlale kakuhle kwesesibini. Senze iinguqu eziliqela emdlalweni kodwa inqaku elinye lilungile. Linqaku elibalulekileyo kakhulu eli. Ngeke ndikhalale ukufumana inqaku elinye kwiPirates. Sidlale imidlalo enzima neWits nePirates. Sisaya phambili,” utshilo uPitso emva komdlalo.

Yena kwelakhe icala uJosef Zinnbauer uvakele njengomntu odikidiki emva kokuba iBucs ingayibethanga iDowns.

“Andonelisekanga ncam kodwa iingqondo zethu siza kuzibeka emdlalweni ozayo ngoku,” utshilo uZinnbauer. NgoLwesihlanu, iDowns iza kulwela amanqaku amathathu kwakhona xa idibana neHighlands Park ngo18:00 eDobsonville Stadium.

Ngumdlalo oza kutaka iintlantsi lowo nonokujika izinto ukuba iChiefs ayiqhubanga kakuhle kweyayo imidlalo. Yona iChippa United, elwela ukusinda ezembeni, iza kwamkela iWits edlala ‘nje’ emva kokuthengiswa kwayo kusomashishini waseLimpopo.

Mgqibelo: AmaZulu vs Baroka @Lucas Moripe Stadium, 13:30; Stellenbosch vs Golden Arrow @Tuks Stadium, 13:30; Polokwane City vs Kaizer Chiefs @Loftus Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Bidvest Wits @Emirates Airline Park, 18:00

Cawe: Black Leopards vs Maritzburg United @FNB Stadium, 15:30; SuperSport United vs Bloemfontein Celtic @Bidvest Stadium, 18:00