UMosimane uyakhele umkhanya iChiefs

Nangona imidlalo esele idlaliwe ngamaqela adlala kwiAbsa Premier League ilibathwana lemidlalo elishumi elinambini – kodwa sekukho ukutshintshiselana ngamazwi ngelona qela lakuthi lithathe indebe nezigidi ezilishumi elinesihlanu zeerandi xa kuphela isizini eqhubayo.

Phezulu kuhleli iKaizer Chiefs evule umsantsa obonakalayo phakathi kwayo namaqela aza emva kwayo.

Abahlalutyi bayayincoma iChiefs emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni yeAbsa Premiership kule sizini nangani ikhutshwe yiMaritzburg United ngo’2-1 emdlalweni weTelkom Knockout.

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uthi abantu mabangangxami ngokwenza ingxolo ngoba iindebe ziseTshwane futhi neChiefs ingaziqhathi ngoba indebe iya kucaca ukuba iyaphi kuCanzibe kunyaka ozayo.

UPitso, oqeqesha iintshatsheli, unethemba lokuba iChiefs iya kuphazamiseka endleleni – into eyakunika ithuba amanye amaqela wokuyifumana.

Ekuqaleni kwale veki, iSundowns ibethe AmaZulu ngo’1-0 emdlalweni obuseLoftus Stadium. Ephawula ngeChiefs emva komdlalo, uPitso uthe: “Indebe iseChloorkop kwaye siza kuyikhusela.

Kuza kufuneka iChiefs izokuyithatha apha kuthi. Yimidlalo elishumi elinethoba yonke esiza kuyidlala.

Indlela isende.” UPitso ucinga okokuba kuse kutsha ukuba kungathethwa ngeqela eliza kuba ziintshatsheli kwaye ucinga ukuba iOrlando Pirates lelinye lamaqela anethuba lokuphakamisa indebe.

“Sikhe sagqwidiza kodwa iSundowns iya buya ngoku,” utshilo uPitso.

IPirates inyukele kwindawo yesithandathu emva kokubetha iPolokwane City ngo’3-2. Yona iBidvest Wits, esenemidlalo embalwa eyidlalileyo, idlale ntanganye ngo’1-1 nePolokwane City emdlalweni obuseMakhulong Stadium.

NgeCawe, iChippa United iza kuzama ukuqokelela amanqaku ukuze isuke emsileni xa idibana neBaroka FC emdlalweni weAbsa Premiership ngentsimbi yesithathu eNelson Mandela Bay Stadium.

Nangona kunzima kodwa uNorman Mapeza usenalo ithemba lokuba iqela lakhe liza kuziguqula izinto.

Imidlalo yePSL:

Mgqibelo: Polokwane vs Bloemfontein Celtic @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; Black Leopards vs Golden Arrows @Thohoyandou Stadium, 18:00; Cape Town City vs Highlands Park @Cape Town Stadium, 18:00; SuperSport United vs Stellenbosch FC @Lucas Moripe Stadium, 20:15. Cawe: Chippa United vs Baroka @Nelson Mandela Bay Stadium, 15:30

pedro.mapelo@inl.co.za