UMotaung uchaza izinto ezimtsale kuGiovanni Solinas

Kaizer Motaung noGiovanni Solinas

Emva
kweenyanga ezimbini iKaizer Chiefs ingenamqeqeshi, uKaizer Motaung ubhengeze
igama likaGiovanni Solinas njengendoda eza kuxhuzula imikhala kwelona qela
linabalandeli abaninzi eMzantsi Afrika. Izithonga zakhe ziyaziwa ngoba uke
waqeqesha iFree State Stars. USolinas (50) ufika
eNaturena ngexesha elibi; abalandeli benxanelwe iindebe emva kokulambatha
iminyaka emithathu phantsi kukaSteve Komphela owasuswa ngenkani esikhundleni
ngabalandeli eMoses Mabhida Stadium phambi kokuvalwa kwesizini egqithileyo.

Nangona
bekunzima – kodwa Amakhosi akwazile ukuzibekela indawo kwiCaf Confederations
Cup. UMotaung uthe phakathi kwezinto abe bezikhangela ngumntu onolwazi ngebhola
yale mihla nonamava anokunceda iChiefs xa izama ukubuyisa isidima sayo kwizwekazi
le-Afrika. “Siye sijonge ukuba umqeqeshi unawo na amandla wokumelana neqela
elifana neChiefs. Sikholiwe nguSolinas ngoba unawo amandla nesakhono sokuyiqeqesha
iChiefs,” utshilo uMotaung.

Ngaphandle
kokuqeqesha iFree State Stars, uSolinas uqeqeshe amaqela aquka iJSM Bejaia
ne-ES Setif yase-Algeria afumene kuyo amava wemidlalo yeChampions League neConfederations
Cup. “Siye sajonga umntu onolwazi ngendlela esiqhuba ngayo kwibhola yalapha
eMzantsi Afrika. Enye into ebibalulekile kuthi kukufumana umntu oza kusinceda
xa sidlala iConfederations Cup. Ibhola yale mihla inobuceducedu obuninzi; ithi
kelo nto kufuneka umqeqeshi angqongwe ngabantu abanolwazi nangoba izakube
inguye umakhonya. Sicinge ukuba uSolinas ngumqeqeshi onazo iimpawu ebesizikhangela,”
utshilo uMotaung. 

USolinas
utyikile isivumelwano seminyaka emibini. Ebeyibukele iChiefs ngethuba edlala
neBuya Msuthu neFree State
Stars kwimidlalo yeMaize Cup eyithathe ityeli lesibini. Le ndoda yase-Italy
ilamkele uxandiva lokuqeqesha iChiefs kwangaxeshanye yatsho ivakalisa nochulumanco
enalo. “Lithuba elikhulu eli ngoba iChiefs liqela elikhulu e-Afrika. Ukuqeqesha
iChiefs ngumsebenzi omkhulu kakhulu. Ndizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze
ndiqinisekise ukuba iChiefs nabalandeli bonwabile,” utshilo uSolinas.