UMotaung ukhumbula intlekele yase-Orkney!

UKaizer Motaung ukhumbula ukubhubha kwabalandeli e-Orkney Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Usihlawe weKaizer Chiefs, uKaizer Motaung, uthe abantu abangamashumi amane anesibini ababhubhela e-Orkney Stadium, bayakuhlala bekhunjulwa.

Namhlanje kuphele amashumi amabini anesithandathu eminyaka ukusukela ngala mhla kwathi kwehla le ntlekele emva kokunyathelana kwabantu ababefuna ukungena ebaleni ekwakudlalwa kulo umdlalo owawuphakathi kweKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates

Le ngozi yenzeka kanye emva kokufakwa kwegowuli lokulinganisa yifolosi yaMakhosi eyayisoyikwa kakhulu ngalo mihla, uFani Madida.

“Bonke abaswelekayo sakuhlala sibakhumbula,” utshilo uMotaung kwikhasi lomnatha leChiefs.

“Apha kwiChiefs, sinendlela yethu esenza ngayo izinto – sithi sikhumbule izinto ezintle nezo zimbi eziyinxalenye yembali yethu. Intlekele yase-Orkney yinto embi kuthi. Unyaka nonyaka, senza isikhumbuzo sabo bawayo ngalo mhla. Yiyo lo nto sagqiba kwelokuba sidlale umdlalo wamagqala egameni labo ngo’2015. Sileli qela, sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho nezalamane zabo bonke abaswelekayo,” utshilo uMotaung.

Umdlali weChiefs ngalo mihla, u-Ace Khuse, uthe uyasikhumbula esosithwakumbe esanyanzela ukumiswa komdlalo. “Seva sikwigumbi lokunxibela ukuba umdlalo awuzukuqhubela phambili. Sabona xa siphuma ebaleni ukuba kwenzeke into embi ebaleni. Uninzi lwabadlali bakhala kakhulu bakuva ezi ndaba ngala mhla,” utshilo uKhuse.