UMotaung umakhele umkhanyo uKomphela

Usihlalo weKaizer Chiefs uKaizer Motaung

Njengokuba kuqala unyaka omtsha, abalandeli beKaizer Chiefs abanomsindo bazibuza imibuzo: ingaba sakuyifumana nini na indebe phantsi kukaSteve Komphela?

Umqeqeshi waMakhosi uphantsi koxinizelelo emva kokuba engakwazanga ukuphumelela indebe kwiisizini ezimbini zonke engumqeqeshi eNaturena.

Usihlalo weChiefs, uKaizer Motaung, uvumile ukuba ngenene uSteve Komphela akakakwenzi okulindelekileyo njengokuba ekwisizini yesithathu njengomqeqeshi kweli qela.

Amakhosi ahleli kwindawo yesithathu kuluhlu lwamaqela we-Absa Premier Soccer League, alandela iMamelodi Sundowns ethe ngcu phezulu neCape Town City ekwindawo yesibini.

Kuko konke okwenzekileyo ukuzothi ga ngoku kule sizini, uMotaung uthi iqela lakhe sobe linikezele ngoku kusekho indebe yeNedbank neyePSL ekusakhutshiswana ngazo kule sizini.

IChiefs sele iphoswe yiMTN 8 neTelkom Knockout ekukhutshisenwe ngazo phambi kokuphela konyaka ogqithileyo ngamaqela akwiPSL.

“Unyaka ophelileyo (2017) ubunzima kakhulu kuthi. Sinethemba lokufumana iziphumo ezihle kwisizini yesithathu kaSteve Komphela – into engekenzeki ukusukela mhla wabangumqeqeshi weChiefs. Iminyaka emibini enesiqingatha idlule ngoku singafumananga ndebe. Iyadakumbisa lo nto – kodwa asizimiselanga kunikezela ngoba zisekhona iindebe eziza kudlalelwa,” utshilo uMotaung kwintetho yakhe yonyaka omtsha.

Usihlalo weChiefs uqinisekile ukuba ikhona into eyakuthi izuzwe liqela lakhe ngakumbi emva kokutyikitya ifolosi yaseColombia – uLeonardo Castro, obedlalela iMamelodi Sundowns.

“Sifumene umdlalo omhle kakhulu. Siyayiqonda ukuba abanye babadlali abadala abasincedileyo kule minyaka idlulileyo badala ngoku, kufuneka kungene abadlali abatsha kwiindawo zabo. Yiyo lo nto ndicinga ukuba ubukho bukaCastro buzakwenza umahluko,” utshilo uMotaung.

Amakhosi adlala neSuperSport United umdlalo wePSL ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo eLucas Moripe Stadium. Iqela lika-Eric Tinkler liphethe unyaka lingaqhubi kakuhle. Lizakufuna ukuvula unyaka ngeziphumo ezihle, nayo iChiefs kwelayo icala ifuna njalo.