Inyoba yokuthengwa kwabadlali ivaliwe ngoLwesibini. Abaphathi bamaqela adlala kwiPSL bebethe sa iinzwane ngomhla wokugqibela bezama ukutyikitya abadlali.
Bekujongwe kakhulu amaqela afana neKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates emva kokungaqhubi kakuhle kwisigaba sokuqala sale sizini.
Amakhosi atyikitye ifolosi yaseVenezuela egama linguGustavo Paez. Lo mdlali, 26, utyikitye isivumelwano seminyaka emibini.
Ezona ndaba ezithe qabavu kukuvuselelwa kwesivumelwano sika-Eric Mathoho obefunwa yiMamelodi Sundowns.
UTower uzakuhlala kuMakhosi kude kube ngo’2020. UBobby Motaung usamkele ngovuyo isigqibo sikaMathoho. “Ndiyavuya kakhulu njengokuba ndizakuhlala kwiChiefs. Yinto ebendiyifuna kakade. Ukuhlala kwam apha kusinika ithuba lokulwela iindebe,” utshilo uMathoho.
Amakhosi amkele uCamaldine Abraw emva kokubanjwa kukonzakala ixesha elide.
Ukufika kwezi folosi zimbini kunika uSteve Komphela ithuba lokuhlanganisa izikrweqe zakhe njengokuba ezama ukuphumelela indebe yakhe yokuqala. Amakhosi asaxoxa noWillard Katsande, uTsepo Masilela noGeorge Maluleka.
USiphelele Mthembu no-Edward Manqele bazakukhululwa yiChiefs.
Nayo i-Orlando Pirates ifumene abadlali ababalulekileyo.
UDove Wome, osuka kwiSuperSport United uzakudlalela AmaBhakaniya kude kuphele isizini. Abanye abadlali abafikayo (kwiPirates) nguJames Okwuosa, Marc van Heerden noThembinkosi Lorch – bonke basuka kwiChippa United.
IPirates imkhulule uFelipe Ovono okwaphoswe lithuba lokudlala eTurkey.
Liphumelele ilinge likaStuart Baxter lokurhwebeshela uMandla Masango, 27, kwiSuperSport emfumene ngemboleko kwiRanders yaseDenmark.
UMandla wayelithemba likaBaxter ngethuba besebenza kunye kwiChiefs ngo’2015. “Siqokelele iqela esilithembileyo – kodwa kuthe xa kuvela ithuba lokutyikitya uMasango, ndiye ndalisebenzisa kuba ndandike ndasebenza naye,” utshilo uBaxter.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns