UMotaung uthetha ngoKomphela nabadlali abahambayo

Chairman of Kaizer Chiefs, Kaizer Motaung during the Absa Premiership 2016/17 Kaizer Chiefs Sponsorship Announcement at Naturena on 08 February 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Emva kokuvala isizini abalandeli beKaizer Chiefs bakhathazekile, kulindeleke yenze iinguqu. Oku kucaciswe ngusihlalo weli qela, uKaizer Motaung, otyityimbisele umnwe abadlali abathile ngelithi abadlalanga kwisizini edlulileyo, bazakunikwa uphum’aphele eNaturena. Amakhosi avale isizini ka’2016/17 ngokusesikweni izolo ngokwenza itheko njengesiqhelo lokuwonga abadlali abaqaqambileyo obuzinyaswe ngabadlali bonke, abaphathi, abaxhasi beqela, abalandeli noMotaung ngenkqu. Njengokuba abalandeli abathile besola umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, njengoyena nobangela wokufvala isizini kungekho nanye indebe etafileni – yena uMotaung akavumanga ukumgxeka mqeqeshi, endaweni yoko, uthethe ngabadlali abangakwazanga ukwenza umahluko.

“Ngaphandle kwamathandabuzo, singayitsho into ethi sicinga ukuba sinabo abadlali abasemgangathweni ophezulu – kodwa abanye sibabone bengadlali kwade kwaphela. Ngamanye amaxesha uyazithatha izigqibo ezilungileyo, ngamanye amaxesha kungabikho njalo. Sabazisa apha abo badlali sinolwazi olupheleleyo ngabo – kodwa izinto azihambanga kakuhle,” utshilo uMotaung emva kwetheko eKayalami izolo.

“Kukho abadlali abathathu okanye amane abangafikanga nakwishumi lemidlalo abayidlalileyo. Ndiqinisekile ke abangadlalanga imidlalo emininzi kwisizini edlulileyo bazakukhululwa,” utshilo uMotaung.

Nangona kungekacaci ukuba ngoobani abadlali abazakuhamba kwiChiefs – kodwa uSiyanda Xulu – omnye wabadlali abafumana umvuzo omkhulu bengadlali – kucingeleka ukuba uphakathi kwabo bangakhonjwa emnyango eNaturena. Njengokuba abalandeli besoloko bexhinele ukuthengwa kwabadlali abanamagama amakhulu nangeemali ezinkulu – ingathi bangaphoxeka ngoba iqela labo alizimisela ukwenza njalo. “Asizukuya ngamandla emakethe thina. Sizakukhangela abadlali esicinga ukuba siyabadinga,” uvale ngalo mazwi uMotaung.

Usihlalo weChiefs ucacisile ukuba uKomphela uzakuhlala njengomqeqeshi nakwisizini ezayo njengokuba sisitsho isivumelwano sakhe neqela.