UMotsepe ucela into enye kwiDowns…

UPatrice Motsepe noPitso Mosimane eLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: BackpagePix

Amaciko okuthetha athi izinto ezilungileyo ebomini zifunyanwa ngabantu abakwaziyo ukulinda. Kubonakala ngathi lifikile eloxesha nakumnikazi weMamelodi Sundowns, uPatrice Motsepe.

Lo somashishini, odume ngobubele eMzantsi Afrika, zange ayifihle into ayinqwenelayo kwangomhla wokuqala. Wathi ufuna iSundowns igqugqise kwibhola ye-Afrika iphela.

Ukusukela ngo’2004 – unyaka awathenga ngawo iSundowns ngokupheleleyo uMotsepe – zange iphupha lakhe lokuphumelela indebe ye-Afrika lacaca njengalo unyaka.

Amasandawana azakudlala umdlalo wokuqala wamagqibela kankqoyi weCaf Champions League neZamalek ngomhla elinesine kweDwarha, eLucas Moripe Stadium, phambi kokuntingela kowesibini oseCairo, eYiphutha. Oku kuza emva kokuba iDowns ibethe iZesco United ngo’2-0 kwiveki ephelileyo eLucas Moripe Stadium.

UMotsepe wonelisekile ngumsebenzi owenziwe liqela lakhe – kokubini kwiPremier Soccer Leage nakwiCaf Champions League – kodwa uthi ukubandakanyeka kumdlalo wamagqibela kankqoyi akwanelanga.

“Into esivumelana ngayo kukuba sisenendlela ende eya phambili futhi ndiyavuma uPitso nabadlali benze umsebenzi omhle kakhulu. Basenze sangabantu abanebhongo – kodwa abantu bazakulibala ukuba sasidlale kwiChampions League ukuba asiyiphumeleli,” utshilo uMotsepe.

“Xa sidlala kwizwekazi le-Afrika, into ekholisayo ligalela esilenzayo nokumela uMzantsi Afrika. Siziphumelele iindebe zePSL amatyeli aliqela, lo nto yeyabalandeli – kodwa ukumela ilizwe kokomntu wonke,” utshilo uMotsepe.

Lowo ngumyalezo ocacileyo oya kwiqela likaPitso kwemidlalo yeCaf, othi iqela malibuye nayo indebe. IiBrazillians zayibetha iZamalek kabini kolu khuphiswano kwiinyanga ezidlulileyo – kodwa le imidlalo izayo izakwahluka ngoba ezi zangxa zaseYiphutha zizimisele ukongeza kwiindebe zazo ezintlanu zeCaf..