UMotsoeneng uthi ngeke iqela lakhe libethwe yiPeace Makers!

Tornado Team picture during the 2019 Nedbank Cup match between Tornado and Kaizer Chiefs at the Sisa Dukashe Stadium,Mdantsane on the 27 January 2019 BackpagePix

Umqeqeshi
weTornado FC, uTshepo Motsoeneng, uthi iqela lakhe alizimiselanga ukulahla
nelinye inqaku njengokuba kusongwa isizini yeABC Motsepe League. ITornado FC isheyikelwe yimidlalo emithathu kuphela kwaye
iyakhokela kwiMotsepe League ngamanqaku angamashumi amathandathu (60) emva
kwayo nguMthatha Bucks – onamanqaku angamashumi amahlanu anethoba (59).

Emva
kwemini ogoMgqibelo, iTornado iza kudlala nePeace Makers, eBhayi. Lo mdlalo uzakuba nzima ngokutsho kukaMotsoeneng kuba
iMakers ibethwe yiThe Guys ngo’2-1 kumdlalo ogqithileyo. “Nangona iPeace Makers ingekho kumaqela akhuphisanayo phaya
phezulu kodwa umdlalo uzakuba nzima ngoba ibethiwe emdlalweni ogqithileyo,”
utshilo uMotsoeneng.

Inkxalabo
yakhe uMotsoeneng kukuba iPeace Makers iza kufuna ukubuyisa isidima sayo kwiTornado
kodwa uthi soze livume ukulahlekelwa ngamanqaku iqela lakhe. OkaMotsoeneng uthi badlalela indawo yokuqala kuphela.
UMthatha Bucks, ogacele indawo yokuqala, unethuba
elihle lokuqokelela amanqaku apheleleyo xa udibana neBush Bucks A FC esemsileni
eMthatha Stadium. IBizana Pondo Chiefs, ehleli
kwindawo yesithathu, iza kudlala neThe Guys ejingelwa lizembe.

Yona iPondo
Chiefs, inethuba lokuphemelela iMotsepe League kuba inamanqaku angamashumi
amahlanu anesixhenxe (57) kwaye iseza kunyathelana neTornado FC. Onke la maqela
ahleli phezulu ashiyekelwe yimidlalo emithathu, iqela ngalinye. Eminye imidlalo engoMgqibelo: iFuture Tigers idlala nePE
Stars, iBirmingham City ityelelwa yiButterworth FC, iSUBS idlale neYaka United,
Amavarara FC amkela iMatta Milan, iHighbury FC idibana neSibanye FC.

 

Iziphumo zeMotsepe League

Highbury
FC 3-1 Amavarara FC

Sibanye
FC 0-0 SUBS

Matta
Milan 3-0 Birmingham
City

Yaka
United 0-2 Bizana Pondo Chiefs

Butterworth
FC 3-3 Future Tigers

The Guys
2-1 Peace Makers

PE Stars
0-1 Mthatha Bucks

Bush
Bucks A FC 1-2 Tornado FC