UMpengesi akanayo imali efunwa nguRakhale

Kulindeleke ahambe uThabo Rakhale xa kuphela isizini emva kokungasamkeli isibonelelo ebesinikwa yiChippa United umfanekiso:Gavin Barker/BackpagePix

Iqela laseMpuma Koloni elidlala kwiPremier Soccer League, iChippa United, lilungiselela ubomi balo ngaphandle komnye wabadlali balo abaphambili.

Oku kwenzeka emva kokuba kuvakele iindaba ezithi uThabo Rakhale uza kuhamba kwiChippa United xa kuphela isivumelwano sakhe sengqesho kwinyanga yeSilimela kulo nyaka.

URakhale ebephakathi kwabadlali abahlanu ekuvakele iindaba ezithi banikwe uphum’ aphele kwinyanga ephelileyo.

Yakhanyelwa lo nto ngabaphathi beqela – kodwa uMnu. Siviwe Mpengesi waphuma no-Andile Mbenyane njengomphembeleli weengxaki kwiChippa osoloko enengxaki yokungazilolongi enkampini ngenxa yebhabhalalaza ngeMivulo.

Kude kwacaca ke ngoku okokuba uThabo Rakhale uza kukhangela ikhaya elitsha emva kokuba engawamkelanga umgodlo obekwe etafileni yiChippa. Ukuhamba kwakhe akothusi konke konke ngoba bekusoloko kuvakala ukuba kukho amaqela amfunayo.

“Sasibeka isiphakamiso sethu etafileni ekuqaleni konyaka. URakhale nomphathi wakhe uMandla Mthembu basikhaba. Akukho nto ingenye esinokuyenza ke xa ehamba,” utshilo uMpengesi kumajelo eendaba.

Imeko yakhe ixhomekeke kumqeqeshi. Thina asizange sikwazi ukumelana nezinto azifunayo. Ufuna imali eninzi. Asingeke sime endleleni yakhe xa efuna ukuhamba. Siza kumvumela aye kwiqela anokwenza kulo imali ayifunayo ngoba thina asinayo. Ndiza kumkhulula ngesihle ukuba uyahamba. Ungumdlali endimthandayo – kodwa ke asikwazi ukumnika into ayifunayo,” utshilo uMpengesi.

URakhale ngomnye wabandlali aboyanyaniswa neKaizer Chiefs – kodwa akukacaci nokuba uza kuya na kuyo.

Amakhosi akakwazi ukubhalisa abadlali abatsha okwangoku emva kokugwetywa yiFifa eyafumanisa okokuba akazanga amththa uAndriamirado Andrianarimanana ngendlela efanelekileyo kwiqela laseMadagascar.

Asifakile isibheno Amakhosi – kodwa iFifa ayikwazi ukusiqwalasela ngenxa yekhorona esatyhutyha ihlabathi.

URakhale wabangumdlali othembekileyo kwiChippa ukusukela ngo-2018 esuka kwi-Orlando Pirates. Imbalwa kakhulu imidlalo angayidlalanga kule sizini esamisiweyo ngenxa yekhorona.