UMpengesi ubhengeze abadlali abatsha kwilali yaseNgcobo emini namhlanje

Abadlali abalishumi elinesithandathu beChippa United baziswe ebantwini kwilali yaseDeberha, eNgcobo, emini namhlanje. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Amaqela adlala kwiDStv Premiership athe bhazalala kwiindawo ngeendawo alungiselela kuzo isiqendu esitsha sesizini. Elinye lamaqela angene ngamandla emakethe yiChippa United ebhengeze ishumi elinesithandathu lonke labadlali abatsha. Oku ikwenze iChippa inethemba lokuzuza iziphumo ezibhetele kunesizini egqithileyo. Usihlalo weqela, uMnu. Siviwe Mpengesi, ubazise ngokusesikweni elalini yaseDeberha ephantsi kwedolophi yaseNgcobo namhlanje emini – apho ebeyokupha umntu omdala indlu entsha emva kokudilika kweyakhe yakudala.

Ngokutsho kwakhe uMpengesi, use abadlali bakhe ebantwini basezilalini ukuze babone abaxhasi beChippa United futhi baqonde nendawo aphuma kuyo. Uluhlu lwabadlali abatsha lukhokelwe nguJustice Chabalala, uSipho Chaine, uTrevor Mathiane, uBrooklyn Poggenpoel, uSirgio Kammies, Azola Ntsabo, Aviwe Mqokozo, uKhanyisile Mayo, uDiego Appollis, uShaquile Abrahams, uSiseko Manona, uYurrig Conwood, uZanoxolo Mduli, Abdi Banda, Elmo Kambindu noNkosikhona Dube.

UMnu. uMpengesi uxelele iintatheli emva kwetheko ukuba inani labadlali abatsha lanele njengokuba kusondela isiqalo esitsha sesizini yeDStv Premiership. “Okwangoku sicinga ukuba balungile abadlali esibafumeneyo. Amaqela asabachitha abadlali, mhlawumbi singongeza xa kukho ithuba elinjalo. Kodwa sincwase ukuqala isizini ngabadlali esinabo. Sakujonga xa kuvulwe ithuba lokuthenga abadlali kwakhona ekuqaleni konyaka ozayo,” utshilo uMpengesi oye wapha amaqela aseNgcobo iimpahla zokudlala neebhola.

Omnye wabantu owaziswe ebantwini baseDeberha ibe nguDaine Klate – umqeqeshi omtsha weChippa United obekade eqeqesha kwiMultiChoice Diski Challenge. Ungena endaweni kaKurt Lentjies ongqinityiweyo ngenxa yokungamkeli abadlali abebefunwa liqela nokungafuni kwakhe ukuncediswa nguDaine Klate ngokokutsho kukasihlalo weChippa United. Inkokeli yephondo leMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane, ithe iChippa United mayahlukane nento yokubahlalisa kabuhlungu abantu ngento yokusoloko isinda ezembeni.