UMpengesi ufuna uzinzo eqeleni lakhe

Usihlalo weChippa United uSiviwe Mpengesi UMFANEKISO: © Ryan Wilkisky/BackpagePix

Kwiveki enye, iChippa United ityikitye unozinti onamava uPatrick Tignyemb emva kokuvuselela isivumelwano sengqesho sikaClinton Larsen.

UTignyemb ebekade edlalela iBloemfontein Celtic kodwa ngoku kulindeleke ancede iChippa United ezipalini kwilinge layo lokulwela iTop 8 kwisizini ezayo.

Lo nozinti waseCameroon wagxothwa yiCeltic ekupheleni kwesizini egqithileyo emva kokubandakanyeka kumlo wabadlali abebengabhatalwa ngabaphathi beSiwelele.

ULarsen umamkele ngezandla ezizishushu uTignyemb owakhe wasebenza naye kwiCeltic. “Ungumdlali onamava endicinga okokuba uya kusebenzisana kakuhle neqela.

Ndisebenzile naye ngaphambili kwaye ndiyakholwa yindlela azimisela ngayo emsebenzini wakhe,” utshilo uLarsen.

Naye usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, umamkele ngezandla ezifudumeleyo unozinti wakhe omtsha, watsho esithi ubukho bakhe buza kuqinisekisa uzinzo kwisizini ezayo.

Kwiveki ephelileyo, iChippa United yandise isivumelwano sengqesho sikaLarsen ngeminyaka emibini emva kokuyisindisa ezembeni kwisizini ka2018/19.

UClinton Larsen ulwamkele uxanduva alunikwe ngumphathi wakhe watsho ethembisa ngelithi sobe ingenzeki into efunwa liqela lakhe.

“Eli qela likhethekile, linabadlali abasemgangathweni ophezulu futhi linabalandeli abalithandayo kakhulu.

Kuyandichulumancisa kakhulu ukuba lapha. Ndiyambulela usihlalo weChippa United ngokundithemba kwaye sobe ingenzeki le nto ayifunayo,” utshilo uLarsen. Ukuba bekungekho ngenxa yokugxothwa kwabaqeqeshi nokuthengiswa kwabadlali – iChippa United ngeyikhule kakhulu.

Akukho badlali abatsha abangabanye ababhengeziweyo kodwa kulindeleke babekhona abadlali abathengwayo phambi kokuqala kwesizini entsha.