UMpengesi uguqula izinto eNgqamakhwe!

Abadlali beChippa United, uMphathiswa weZemidlalo ePhondweni, uFezeka Bayeni, uSodolophu waseMnquma, uSithembiso Ncetezo no Chippa Mpengesi benikezela ngeekiti kwisikolo Intlebi P. S. Umfanekiso: Anele Raziya

Usihlalo weChippa United uSiviwe “Chippa” Mpengesi, unike umqeqeshi uClinton Larsen uxanduva lokuchonga abadlali kwindawo yaseMnquma kule minyaka mihlanu ilandelayo.

UMpengesi uthe ufuna ukubona abadlali bendawo aphuma kuyo bedlalela iqela lakhe nokuba bangaphi.

Oku ukuthethe ngethuba ephisa ngeempahla zokudlala ibhola ekhatywayo neyomnyazi kwizikolo ezisibhozo eziphuma eCofimvaba naseNgqamakhwe emsithweni ububanjelwe kwilali yaseNkalweni kwimpelaveki edlulileyo.

“Ndifuna le mpahla yokudlala isetyenziswe ukuze kuvuselelwe imidlalo ezikolweni,” kutsho uMpengesi.

Uthe ufuna kubekho itumente yezikolo ebizwa ngokuba yiChippa United School Tournament ukuze impahla yokudlala ingahlali nje ingasetyenziswa ngabantwana.

Kulo tumente, uMpengesi ufuna umqeqeshi weChippa, uClinton Larsen, achonge kuyo abadlali.

“Xa kudlalwa imidlalo yamanqam, uza kuba khona umqeqeshi ukuze akwazi ukuchonga abadlali,” utshilo uMpengesi.

Uthe kunyanzelekile ukuba kube khona abadlali abaphuma eNgqamakhwe kwiqela lakhe kwaye lo nto kufuneka yenzekile. Ibala awayedlalela kulo eLower Ndakana ngeentsuku zobuncinci bakhe uMpengesi uthe liza kuphuculwa ukuze abantwana bakwazi ukudlalela kulo ibhola.

Xa ligqityiwe ukwenziwa ngokutsha ibala liza kuthiywa ngokutsha kuthiwe yiMpengesi Stadium.

UMphathiswa wezeMidlalo eMpuma Koloni, uFezeka Bayeni, ulibulele igalelo likaMpengesi kuphuhliso lwezemidlalo ezilalini kwaye wamemelela ukuba babekhona abadlali baseMpuma Koloni kwiChippa United.

UBayeni uthe njengokuba begalela izigidi zeerandi kwiChilli Boys bayafuna nokubona abantwana bephondo bedlala kuyo. Kwangaxeshanye, emsithweni kuphehlelelwe isebe labalandeli beChippa United endaweni awazalelwa kuyo uMpengesi.

Kuphiwe abantu abadala izipho. Amaqela afumeneyo yiMagwala FC neRoyal Celtics. Izikolo ezifumene ikiti yiNgunikazi P.S, Mcumgco P.S, iGxojana J.S.S, iNtlebi P.S, iHebe Hebe P.S, iSophakama S.S.S, iLower Ndakana P.S (isikolo awayefunda kuso uMpengesi) neDali P.S.