UMpengesi umbeke ecaleni uDan Malesela

Dan Malesela, coach of Chippa United play with the ball during the Absa Premiership 2016/17 match between Kaizer Chiefs and Chippa United at the Mbombela Stadium, South Africa on 15 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iindaba ezingenayo ngoku zithi umphathi weChippa United, uSiviwe Mpengesi, ugqibe kwelokuba amnqumamise uDan Malesela emsebenzini wakhe. Oku kulandela ukubethwa kweChippa United ngo’3-2 yiMaritzburg United kumdlalo we-Absa Premier Soccer League izolo eNelson Mandela Stadium.

Ezi ndaba zidizwe nguTim Sukazi, umanejala wakhe, ngolu rhatya kwinkqubo yezemidlalo iMetro Sport (SABC). IChilli Boys zihleli kwindawo yeshumi elinesibini kwiPSL, ziphakathi kwamaqela aphakathi kwamaqela asecicini okuwelwa lizembe ekupheleni kwesizini.

USukazi uthi konke oku kwenziwe ngesihle kungekho cala lilwe nelinye – kodwa uyibethelele into ethi le yindlela ecacileyo agxothwa ngayo umqeqeshi. Nangona ingaqhubi kakuhle iChippa United kwimidlalo yePSL – kodwa kwangaxeshanye iqhuba kakuhle kwiNedbank Cup ekulindeleke idlale neSuperSport United kumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi okokugqibela kwimbali yayo ukusukela oko yaqala ukudlala kwiPSL ngo’2010. Kumdlalo ozayo ophakathi kweChippa ne-Orlando Pirates, uMalesela akazukwazi ukuthatha inxaxheba.

Nangona iinkcukacha zingekakhutshwa – kodwa kurhaneleka ukuba nguMbuyiselo Sambu ozakuthi axhuzule imikhala kude kuphethwe lo mba.