Njengesiqhelo xa izinto zingahambi kakuhle, uMnu. Siviwe Mpengesi, umkhombe emnyango uMorgan Mammila obengumqeqeshi weChippa United. Iindaba zokugxothwa komqeqeshi sivakele namhlanje zanwenwa okomlilo wedobo. Ukugxothwa kukaMammila kuza emva kokuba iChippa United iguqiswe phantsi yiSwallows FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium izolo emalanga. Nakubeni isiqalo sakhe uMammila sasisihle emva kokuthatha iintambo kuDaine Klate owayeqale isizini njengomqeqeshi, izinto ziye zambi emva kokuphumelela imidlalo emine eyaphunyelelwa yiChippa United ilandelelana ekuzeni kuphela konyaka ka-2022.
Kwelishumi imidlalo emva koko, iqela likaMpengesi libhaqe impumelele enye jwi. Lo nto yalityhalela ezantsi phakathi kwamaqela aza kulwela ukuphepha izembe. Isigqibo sokwenza inguqu siphenjelelwe lixhala lokuthotyiselwa kwinqanaba elisezantsi okungenzeka ukuba izinto aziguquki ngokukhawuleza. Iinzame zeli phephandaba zokufumana izwi kwabachaphazelekayo ziwe phantsi. “Kufanele sixhalabe. Iqela likwindawo yeshumi elinesithathu emva kokuqokelela amashumi amabini amabini anane. Amanye amaqela asemva kwethu siwashiya ngamanqaku amabini. Xa ungakwazi ukuphumelela imidlalom, yingxaki leyo,” utshilo uMammila emva komdlalo wayizolo eGqeberha.
“Andizukwazi ukuhlala ndibukela kusonakala ukuba asikwazi ukuwabetha AmaZulu emdlalweni olandelayo. Khumbula ukuba ndingumanejala okwanguye nosomashishini. Ndingumntu ekufuneka ajongane nenyaniso xa imeko isitsho. Ukuba asinakuwabetha AmaZulu, ndakube ndihlaleleni apha? Andizelanga kuthobisela iqela apha. Ndiyenzile eyam indima. Ibhola ibeka phambili impumelelo. Xa usoyiswa ngamaqela okhuphisana nawo, yingxaki leyo. Injongo yam kukukhusela iqela lomhlobo wam. Andikwazi ke ukumyeka aphulukane nento yakhe ebalulekileyo,” uvale ngaloo mazwi uMammila. Indawo yakhe ithathwe nguKurt Lentjies (obeqeqesha iChippa United kwisizini egqithileyo) owagxothwa emva kokungavumi ukusekela uKlate phambi kokuqala kwesizini.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10