UMpengesi umkhulule uLuc Eymael emva kokugrogriswa yiEFF!

Ukhululwe engafumananga namnye umdlalo uLuc Eymael yiChippa United ngenxa yezityholo zobuhlanga ezijinga phezu kwegama lakhe. Umfanekiso: Chippa United.

Kuye kwanyanzeleka uMnu. Siviwe Mpengesi amkhulule engaqeqeshanga nakanye uLuc Eymael kwiChippa United emva kokuba egrorgiswe ngumbutho wezopolitiko, iEconomic Freedom Fighters (EFF), kwiphondo leMpuma Koloni. Oka-Eymael uqeshwe njengomcebisi oyintloko (Technical Director) yeChippa United ekuqaleni kwale veki nguMvulo. Ukuqeshwa kwakhe kwenzeke ezithendeni zikaDan Malesela ogxothwe nguMnu. Mpengesi emva kokuvuthululwa kweChippa ngo’5-1 yiMaritzburg United kutshanje.

Injongo yokuqesha uLuc Eymael ibukukumenza umqeqeshi kwase kuqaleni – kodwa akayenzenga lo nto uMnu. Mpengesi kuba ebesafuna ingcaciso kwiSafa – eyakhukhabayo ukuqeshwa kwakhe kunyaka ophelileyo. Into emenza abe netyheneba uEymael zizityholo zobuhlanga awazibekwayo ngethuba engumqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo eTanzania – apho kuthiwa wafanisa abalandeli neemfene wongeza ngelithi ngabantu abangenangqigo.

ULuc Eymael, obeqeshwe yiChippa United, ugxothiwe kwakhona. © Frikkie Kapp/BackpagePix

Izolo emalanga, iEFF ikhuphe isilumkiso esithi ngeke ivumele uEymael onobuhlanga aqeqeshe eMpuma Koloni. Kanti nabalandeli beChippa United, bavakalise ukungasithandi kwabo isigqibo sokuqesha uEymael kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook. Namhlanje uMpengesi umkhulule umqeqeshi embomba enjalo.

Uthe uyamkhulula ngoba kufuneka aziphe ithuba uEymael asuse ibala lobuhlanga atyholwa ngabo – kodwa wayibethelela into ethi akukho bengqina obuthi uEymael ngumntu onobuhlanga. “Into ebangele simkhulule bubuzaza bezityholo nangona kungekho bungqina,” itshilo ingxelo.

“Sigqibe kwelokuba singaqhubeli phambili ngengqesho kaLuc Eymael ukuze agoduke azame nokuhlamba igama lakhe. Siliqela sibuchasile ubuhlanga kwaye besingeke simqeshe ukuba bebukhona ubungqina bobuhlanga,” utshilo ingxelo ekhutshwe liqela.

USiyabulela Gwambi uza kuxhuzula imikhala njengomqeqeshi wethutyana kude kuqeshwe umqeqeshi oza kungena endaweni kaDan Malesela ogxothwe ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo emidlalweni esibhozo.