UMpengesi ushenxise uMammila esikhundleni wafaka amadoda amabini

Unyaka usaqala, uMnu. Siviwe Mpengesi wenze adume ngazo kwiChippa United etsala nzima kwiDStv Premiership. Namhlanje iqela lakhe likhuphe isaziso esithi uMorgan Mammila ususiwe esikhundleni sokuqeqesha, ngoku uza kuba ngumlawuli oyintloko wabaqeqeshi (Technical Director).

Esi sisikhundla esikhe sabanjwa nguVusumuzi Vilakazi emva kokushiya iGolden Arrows engabhungisanga. UMammila, owaziwa ngokuthetha kakhulu ebholeni, ungena kwisikhundla esashiywa nguVilakazi ongumqeqeshi kwiRichards Bay ngoku.

Nakubeni isiqalo sakhe besingancumisi kangako, uMpengesi umgcinile ixesha elide uMammila ophumelele umdlalo omnye jwi emidlalweni yokugqibela emihlanu kunyaka ophelileyo. UMpengesi wabuyisa uMammila phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo, wamfaka endaweni kaLehlohonolo Seema owasindisa iChippa United ezembeni ekupheleni kwesizini ka2022/23. Abantu abaninzi bothuka xa kubuyiswa uMammila ngoba wayishiya isendaweni embi kakhulu nakubeni isiqalo sakhe sasithembisa engumqheliswa.

UMamila uhamba iChippa United ihleli kwindawo yeshumi elinesithathu – ishiya iqela elisemsileni ngamanqaku amahlanu qha. Ekuqaleni kwesizini, uMammila wathi iChippa kufanele ivale isizini iphakathi kwamaqela asibhozo (Top8) aphambili kwiDStv Premiership.

Kodwa izinto azihambanga ngokomlomo wakhe. “Sibone ukuba umqeqeshi wethu masimnike isikhundla esiphezulu ngenxa yolwazi analo esicinga ukuba luza kunceda iqela kwilizwe elizayo.

“Endaweni yakhe kuza kungena uThabo September noKwanele Chop abaza kuqeqesha ngokubambisana kude kuphele isizini,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChippa United kumakhasi onxibelelwano namhlanje. USeptember noKwanele bebeqeqesha iSuperSport United edlala kwiDiski Challange.

Abanawo kakuhle amava okuqeqesha kwinqanaba eliphezulu nakubeni uSeptember eligqala elaziqaqambisa ngokudlala ibhola ephucukileyo ngeentsuku zakhe zobutsha ebholeni ekhatywayo yaseMzantsi Afrika.