UMpengesi uyifuna kwiTop 8 iChippa

Umdlali weChippa United * -Abel Mabaso ngethuba babedlala neBidvest Wits eBidvest Wits Stadium, eRhawutini kwinyanga yeNkanga UMFANEKISO: Muzi Ntombela/BackpagePix

Emva kokuthi khebevu emakhaya ngenxa yeeholide zokuphela konyaka, abadlali bamaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League babuyela emsebenzini kule veki.

Iqela laseMpuma Koloni, iChippa United, lelinye lamaqela azakwakhelwa umkhanyo kakhulu ngabantu emva kokugqwidiza kwisizini ka-2016/17. Kodwa kule sizini izinto zibonakala zingcono nangoba zisekhona iindawana ezifuna ukuqhoshwa.

Usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, ufuna iqela lakhe libe phakathi kwamaqela akwiTop 8 ekupheleni kwesizini futhi lizibekele indawo nakwiCaf.

Oku kuphume kuMpengesi ngethuba esamkela izitshovu-tshovu zabadlali abane anethemba lokuba bakuthi bancedise ekuqinisekiseni ukuba injongo zalo ziyaphumelela.

IiChilli Boys zamkele uNkosinathi Mthiyane, uThabo Rakhale, uMxolisi Machupu noLinda Mntambo. Ezinye iindaba ezimnandi kokubuya kukaRoger Sikhakhane ozakusebenza njengomncedisi kaTeboho Moloi.

UMthiyane ngumdlali odlala ephikweni othembekileyo, wathathwa yi-Orlando Pirates kwiminyaka emibini edlulileyo emva kokugqwesa kwiChippa.

URakhale ngumdlali onesiphiwo esingumangaliso ephikweni xa kuhlaselwa. Uzakusebenza noTeboho Moloi obesebenze naye kwiPirates ngaphambili.

UMachupu noMntambo basuka kwiJomo Cosmos, kulindeleke ukuba bancedise kakhulu phaya phambili kwicala lamagowuli.

Aba badlali bongeza kwabanye abadlali abaninzi abatyikitywe leli qela phambi kokuqala kwale sizini – kodwa uMpengesi uthi ukufika kwaba badlali kubonisa ukuzimisela kwabo.

“Ukutyikitya kwethu abadlali abane kubonisa mhlophe ukuzimisela kwethu ngokuqinisa indawo yethu kwiTop 8 nokunxanelwa kwethu ukudlala imidlalo yeCaf. Indlela adlala ngayo uRakhale ihambelana ncam neChippa. Siyamamkela noMthiyane. Eli lithuba lakhe lokuvuselela ikhono lakhe lokudlala ibhola kwaye iyayazi inkqubo yeChippa,” utshilo uMpengesi.

IChippa United izakungquzulana naMaZulu kumdlalo wePSL ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe eKing Zwelithini Stadium.

Njengokuba iChippa ifuna amanqaku amathathu, wona AmaZulu azakube ekhangela indlela yokuziphindezela kwiChippa emva kokubethwa ekuqaleni kwesizini eBhayi.

AmaZulu azinze kwindawo yeshumi elinanye, impumelelo ingawabeka endaweni engcono kakhulu.

Imidlalo yePSL:

NgoLwesihlanu: Ajax Cape Town vs Maritzburg United @Cape Town Stadium 20:00; Bidvest Wits vs Free State Stars @Bidvest Stadium 20:00

NgoMgqibelo: Polokwane City vs Mamelodi Sundowns @Peter Mokaba Stadium 15:30; SuperSport United vs Kaizer Chiefs @Lucas Moripe Stadium 18:00; Platinum Stars vs Cape Town City @Royal Bafokeng Stadium 20:15; Orlando Pirates vs Baroka FC @Orlando Stadium 20:15

NgeCawe: AmaZulu FC vs Chippa United @King Zwelithini Stadium 15:30; Bloemfontein Celtic vs Golden Arrows @Dr Molemela Stadium 15:30