UMphahlele angathi gqi eNaturena namhlanje

URamahlwe angabhengezwa njengomdlali weKaizer Chiefs namhlanje emva kweengxelo zamajelo eendaba ezithi akavumelananga neMamelodi Sundowns ngomvuzo awufunayo.

Abalandeli banomdla wokuva ngabadlali abatyikitywe yiChiefs kwinkomfa yoonondaba nabalawuli beli qela namhlanje ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa. Amakhosi avale isizini ephelileyo engenanto esandleni. Ngenxa yeso sizathu, uKaizer Motaung, watsho phandle phambi kokuphela kwesizini ka’2015/16 ukuthi, beliqela, bazakwenza iinguqu.

Ezo nguqu ziqale ngokuthi iChiefs ichithe abadlali ababalelwa kumashumi amabini abaquka abadlali abafana noSibiniso Gaxa, Morgan Gould, Siyanda Xulu, Reneilwe Letsholonyane, Reyaad Pieterse nabanye.

Umqeqeshi weChiefs, uSteve Komphela, khange aye ekhefeni kuba ebekhangela abadlali abazakubuyisa isidima saMakhosi kwisizini ezayo. Umdlali osele ebhengiziwe eNaturena nguSibusiso Khumalo okutshintshiswe ngaye noKeagan Ritchie oye kwiSuperSport United. Abanye babadlali ekulindeleke babhengezwe ngokusesikweni ngomso ngaba:

Keagan Buchanan osuka kwiBloemfontein Celtic, Edmore Chirambadoro noMitchell Katsvairo abasuka kwiqela laseZimbabwe.

Kodwa akuphelelanga apho ngoba kukho abadlali ekuvakala ukuba bakuluhlu labadlali abafunwa kakhulu nguKomphela. Abo badlali nguJoseph Molangoane weChippa United, Enocent Mkhabela weSuperSport United, Kudekwashe Mahachi obekwiGolden Arrows noBantu Mzwakali we-Ajax Cape Town.

Ngomso Amakhosi kulindeleke aphinde athi thaca phambi kwabantu eyona nto azimisele ukuyenza [izicwangciso zawo] kwisizini entsha emva kokoxhuthwa indebe yePremier Soccer League yiSundowns kwisizini ephelileyo.

Ukungafumani ndebe kweli qela kwenze abalandeli balo banxunguphala kakhulu futhi bazizisulu zohlaselo ngabanye abalandeli nto leyo bangayiqhelanga.

Ukuthenga abadlali abafunwa nguye uKomphela kubonwa njengeyona nto enokumceda afumane iindebe eNaturena.