UMphahlele noJele bathetha ngokufunwa ngamaqela wabo emdlalweni wanamhlanje

(l-r): Milutin Sredojevic , coach of Orlando Pirates, Happy Jele, Ramahlwe Mphahlele and Steve Komphela, coach of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2017/18 Press Conference between Orlando Pirates and Kaizer Chiefs at PSL Offices, Johannesburg South Africa on the 28 February 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Umdlali ophambili
kwiKaizer Chiefs, uRamahlwe Mphahlele, uyibeke yacaca into yokuba iqela lakhe
lifuna indebe yePSL kule sizini – kodwa yena uHappy Jele we-Orlando Pirates
ukhethe ukuba ngqukuva. Aba
badlali bancokole nabamajelo endaba kule veki phambi komdlalo omkhulu ophakathi
kwePirates neChiefs ozakutak’iintlantsi eFNB Stadium ngecala emva kwentsimbi
yesithathu namhlanje emalanga. Kulo mdlalo kuzakube kudlalelwa amanqaku
amathathu asesichengeni anokuthi asondeze naliphi iqela eliphumeleleyo
kwiMamelodi Sundowns ebethwa ngumoya phezulu kwiPSL.

Amakhosi
alahle ithuba elihle lokufuthamisela iDowns kwiveki ephelileyo emva kokudlala
ntanganye ngo’1-1 neBloemfontein Celtic, namhlanje aza kuzama ukulungisa lo
nto. Nakubeni kubekho okokukhubeka kwiChiefs – kodwa uMphahlele uthi injongo
yabo [beyiChiefs] kukulwela indebe yePSL kule sizini. USteve Komphela uphantsi
koxinizelelo emva kokungakwazi ukuphumelela indebe kwiisizini ezimbini ezidlulileyo.
Ukuhlala kwakhe kwiChiefs ngoku kuxhomekeke kwinto ezanayo etafileni kule
isizini.

“Akukho
sizathu sokutshona ngapha nangapha, sifuna ukuphumelela indebe yePSL. Siya kumdlalo
wangoMgqibelo sinenjongo enye: ukuphumelela umdlalo qha. IPirates isishiya
ngenqaku alinye kuphela, kanti yona iSundowns isishiya ngamanqaku amahlanu
[asibhozo ngoku emva kokuba iSundowns ibethe AmaZulu izolo]. Ngoko ke, nayo
iPirates ndingatsho ukuba ilwela indebe,” utshilo uMphahlele phakathi evekini.

Enye yezinto
iChiefs ezibalule ngayo kukuba ayivuzi kwicala lamagowuli. Lo nto ibangelwa luzinzo
nabadlali bayo basemva abadlala kakuhle nonozinto wayo – uKhune (Itumeleng). Into
eyiphazamisayo kodwa kukuba ayikwazi ukufaka amagowuli ngokwaneleyo. Mhlawumbi,
ubukho bukaRyan Moon – ofaka amagowuli ngeyona ndlela incomekayo kule mihla,
kunokwenza umahluko emdlalweni. “Sidlala kakuhle kakhulu emva – kodwa kufuneka
siyiphucule indlela esifaka ngayo amagowuli. Enyanisweni asiwafaki ngokwaneleyo,
leyo yinto esizama ukuyilungisa xa siziqeqesha,” utshilo uMphahlele.

UHappy Jele
ngumakad’enetha. Imidlalo emikhulu njengalo wanamhlanje uyiqhelile futhi unawo
amava okumelana noxinizelelo lwayo. UJele noogxa bakhe baye eFNB Stadium ngale
njikalanga bezithembile emva kokuphumelela ngemvula yamagowuli amane kwamabini
(4-2) eBhayi – apho bazibonakalisileyo ngenene okokuba bazimisele ukwenza
izinto ezibonakayo kule sizini emva kokuba uJustin Shonga ebuye namagowuli
amabini ancede iPirates. “Into esifuna ukuyigcininisa thina kukufumana iziphumo
ezifanayo oko, hayi ukuphumelela indebe yePSL. Yeyona nto esicinga ukuba iye
yasilahleka kwisizini edlulileyo. Sifuna ukuguqula izinto kule sizini,” utshilo
uJele.