Njengokuba iKaizer Chiefs ibhengeze ngokusesikweni abadlali abasibhozo ngoMvulo, abantu abaninzi bazibuza imibuzo: URamahlwe Mphahlele uhambe kanjani kwiMamelodi Sundowns?
Usuka kwiqela eliphumelele indebe yePremier Soccer League kwisizini ephelileyo futhi engukaputeni, yintoni le yenziwe yiChiefs engakwaziyo ukuyenza iDowns?.
Impendulo yile: Amakhosi ebemfuna, kodwa yona iDowns ingazimiselanga ngokwenkcazelo kaMphahlele. Lo mdlali wasemva uthi uzamile ukuyinika ithuba, kodwa ekugqibeleni bekufuneka ethathe isigqibo ngekamva lakhe.
Amakhosi ahambe nzima kwisizini iphelileyo, ngoku azimisele ukufumana indawo yawo kwibhola ekhatywayo yelizwe loMzantsi Afrika.
UMphahlele kulindeleke adlale indima ebalulekileyo kuba iChiefs idinga umdlali onokuthi ancedisane no-Eric Mathoho.
Lo mdlali uthi, uxoxe iminyaka emibini neSundowns ngesivumelwano esitsha, kodwa ekugqibeleni ukhethe iKaizer Chiefs. “Bekungekho lula kum ukushiya iSundowns, yiyo lo nto ndingakhange ndingxamele ukuthatha esi sigqibo.
Akhona amaxesha ekufuneka uthathe isigqibo ngobomi bakho. Ukuba sichanekile okanye asichanekanga; kungile ngoba sisigqibo esithathwe ndim,” utsho uMphahlele.
URama ebekunqwenela ukuhlala kwiiBrazillians, ngokunjalo noPitso Mosimane ebefuna ahlale kodwa kuthiwa imali ebeyifuna ayikwazanga ukumnika iSundowns.
“Yathi iChiefs xa indikrweca, ndatsho kwiSundowns ukuba andizimiselanga kuhamba ngoba ikamva liqaqambile kuyo. Umgodlo obekwe yiChiefs etafileni kwakunzima ukuwukhaba ngoba ubumhle. Abaphathi beChiefs bebeyazi imeko yam kwiSundowns. Ndikhethe iChiefs ngoba ndisazi ukuba liqela elindifaneleyo,” utsho uMphahlele.
Lo mdlali, 26, ukhathazwe kukonzakala kwisizini ephelileyo kodwa iphele isizini edlala kwakhona.
Ungumdlali odlala ngokuzimisela futhi amava anawo azakuyinceda iChiefs phaya emva. UMphahlele uwadlalele onke amaqela esizwe ukusukela kwelincinci ukuya kwiBafana Bafana.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV