Inkokeli entsha kwisebe leZemidlalo, uSibulele Ngongo, ikwamkele ngovuyo olukhulu ukunyuselwa kweHighbury FC kwimpelaveki egqithileyo. Oku kulandela emva kokuba iHighbury ibethe iKruger United ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni wokugqibela wokuxabangela obubanjelwe eDicky Jacobs Stadium kwidolophi yase-Upington, eNothern Cape.
Amagowuli amabini, afakwe nguMzoxolo Rafani, aqinisekile ukuba iHighbury FC isuka kwiABC Motsepe League ukuya kwiMotsepe Foundation Championship esezantsi kancinci kwiDStv Premiership.
Nangona iguqiswe phantsi emdlalweni wokugqibela, iKruger United nayo inyukele kwiMotsepe Foundation Championship. Njengokuba iHighbury iza kuba liqela lesibini elidlala kwiPremier Soccer League kwiphondo leMpuma Koloni, uMphathiswa omtsha uthe ukunyuselwa kweqela laseGqberha kubethelela iphondo njengendawo ephambili kwicandelo lezemidlalo.
Emva kokutshatshela emidlalweni yokuxabangela, iHighbury igoduke nesinyamfu semali esiqabele kwisigidi serandi (R1 250.000) logama yona iKruger ifumene imali eyiR600 000.
“Siliphondo nabalandeli bebhola ekhatywayo sichwayitiswe kakhulu kukunyuselwa kweqela laseGqeberha. Okwenzekileyo kubhenca ukuzibophelela kwethu kwezemidlalo nakuphuhliso lwebhola ekhatywayo. Italente esiyibone kwiHighbury FC iyasiqiniseka ukuba iseza kwenza izinto ezinkulu ebholeni ekhatywayo.
Sithi huntshu kubaqeqeshi, kubadlali nakubaphathi beqela lonke,” utshilo uMphathiswa kwingxelo ekhutshwe ekuqaleni kwale veki. Ngelishwa layo iHighbury, kunyanzelekile ilungiselele isizini entsha ingalifumananga ithuba lokuphumla kakuhle.
UCameron Klopper sele eqinisekisile ukuba iHighbury iza kuhlala eGqeberha nakwisizini ezayo. Iingxelo zithi iHighbury liqela elasekwa ekuqaleni kweminyaka yoo90 kwiphondo laKwaZulu-Natal. Ngenxa yamashishini wakhe, uKlopper wayifudusela eGqeberha – apho azinze khona. Kulindeleke ukuba idlalelele eWolfson Stadium okanye eNelson Mandela Bay Stadium imidlalo yayo iHighbury FC.
Yonke into iya kuxhomekeka kumasipala ngoba nguye onamabala asemgangathweni ophezulu afunwa yiPSL. Yona iPondo Chiefs yaseBizana zange ihlale kwiChampionship ngenxa yokuswela inkxaso. Yadlalela KwaZulu-Natal kuba yayingenalo ibala lokudlalela eBizana nakwiindawo ezikufuphi.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!