UMphathiswa uhlanganisa imihlambi eyalanayo

Umphathiswa weZemidlalo, uNathi Mthethwa exhagwe nguMongameli weSafa, uDanny Jordaan nosihlalo wePSL, * -Irvin Khoza, emva kwentlanganiso kutshanje.

Idemesha eyenziwe yikhorona kwezemidlalo ayinambaliso.

Zonke iinkokheli zemibutho yemidlalo zibumbene futhi zithetha ngazwinye – kodwa apha eMzantsi Afrika, izinto zithande ukuba nzima kakhulu. Ithanda eliphakathi kweSafa nePSL liya livuleka endaweni yokungcibeka.

Njengokuba urhulumente wagqiba kwelokuba aqhoboshe iintshukumo zoluntu ukuze akwazi ukukhonkxa isantya ehamba ngaso ikhorona – kwelinye icala uzimisele ukubanika indlebe yakhe kwezemidlalo.

Umongameli welizwe, uMnumzana Cyril Ramaphosa, ulinyenyisile ibhanti ukuze abantu bakwazi ukubuyela emisebenzini – kodwa yena uMphathiswa weZemidlalo uNathi Mthethwa uthe ufuna iSafa nePSL zize nomkhombandlela ngoba ngoba imeko isemaxongo.

Oku kuthethwe nguMnu. Nathi Mthethwa ekuqaleni kwale veki ngethuba esonekela isizwe ngokulindelekileyo kwicandelo lezemidlalo, inkcubeko nolonwabo.

Izikhulu zePSL zifuna ibhola ibuyele emabaleni ngaphandle kwabalandeli – kodwa iSafa ayiboni njalo.

Ibhola ekhatywayo yanqunyanyiswa kwisithuba seenyanga ezimbini ezidlulileyo iKaizer Chiefs ihleli phezulu, ilandelwa yiMamelodi Sundowns esazimisele ukukhusela indebe yayo.

Icandelo lezemidlalo alilinikwanga ilungelo lokuqhubela phambili neenkqubo zalo ngoba libonwa njengeliyingozi ngelithuba lekhorona – kodwa urhulumente uyafuna ukuphulaphula okucingwa ngabaphethe ezemidlalo.

“Thina singurhulumente siza kunikwa umkhombandlela yiSafa elawula ibhola nePSL. Ndikhe ndathetha noMongameli weSafa, uGqirha uDanny Jordaan noGqirha Irvin Khoza, malunga nezinto esizilindele kubo. Urhulumente udinga ukukhokelwa ngabo kumba owoyamene nebhola ekhatywayo,” utshilo uMthethwa.

Kulindeleke isigqeba esilawula iPSL size nento ecacileyo entlanganisweni eza kubanjwa namhlanje. Umyalelo weFifa uthe onke amaqumrhu webhola ekhatywayo kufuneka ahlonele imigaqo karhulumente ngokohlukana kwamazwe. EYurophu, amaqela alungiselela ukuvula emva kokuthotha kwamandla wekhorona.