UMphathiswa weZemidlalo uthi ayifunwa ngabathile iVAR emidlalweni PSL!

UGayton McKenzie nguphathiswa wesebe leZemidlalo, uNkcubeko noLonwabo elizweni lonke. Umfanekiso: Facebook

Yiminyaka abalandeli bebhola nabaqeqeshi bekhala ngokuqhathwa nangeempazamo ezenziwa ngoosompempe emidlalweni yePremier Soccer League. Ukusukela oko kwathi kwagunyanziswa ukusetyenziswa kobuchwephesha obuncedisa oosompempe ekuthiwa yiVideo Assistant Referee (VAR), amanye amazwe sele enze inkqubela ebonakalayo futhi ayaxhamla kwiVAR elungisa iimpazamo zoosompempe nezinto ezingabacacelanga kakuhle emidlalweni. Nangona kunjalo, apha eMzantsi Afrika kusekude engqinibeni.

Eyona ngxaki ephambili yimali. Umbutho olawula ibhola kweli lizwe, iSouth African Football Association (Safa), uthi awunamali yokubhatala iinkampani ezinokuncedisa ngeVAR. Yiminyaka emibini iPSL isithi ikulungele ukusebenza kweVAR – kodwa ayikwazi ukwenza nto ngoba ukusetyenziswa kwayo kuxhomekeke kwiSafa kuphela. Kunyaka ophelileyo, kungenelele uMnu. Gayton McKenzie emva kokungena kwakhe esikhundleni somphathiswa weSebe leZemidlalo kwizwelonke laseMzantsi Afrika.

Emva kokudibanisa iintloko zeenkokeli zeSafa nePSL, uMphathiswa wenza isithembiso ebantwini esithi isebe lakhe liza kuncedisa. Wenza njalo ngoba nguye owaxelayo ukuba kudingeka imali engaphezulu kweR80-million ukuze kumiliselwe ubuxhakaxhaka beVAR emabaleni ekubanjelwa kuyo imidlalo yePSL. Ethetha kwinkqubo kaRobert Marawa kwi947 Radio kutshanje, uMcKenzie wothuse umzi xeshikweni esithi kukho abantu abachasene kwaphela nokusetyenziswa kweVAR ekukudala isebenza afana nooNgilane, Italy nooJamani.

“Kukho abantu abafuna ukuyithintela iVAR. Xa kukho into oyizuzayo koosompempe, ungayifunelani ke iVAR?” utshilo uMphathiswa – kodwa waqinisekisa abantu ukuba iVAR iza kusetyenziswa ebholeni yaseMzantsi Afrika. “Kunyanzelekile ifike iVAR ngoba ndandisenzile isithembiso. Sendidibene neSafa malunga neVAR futhi ndazondla zonke iindleko zayo. Ndiza kuza neVAR kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka. Asikwazi ukubukela isetyenziswa ngamaqela asezantsi kwamanye amazwe, thina singabinayo kwiBetway Premiership. Into entle ngeVAR kukuba ibenza babengcono abadlali futhi banyaniseke,” utshilo uMphathiswa weZemidlalo.