UMphathiswa
weZemidlalo, uMnumzana uNathi Mthethwa, uxelele abaphethe umbutho weqakamba
eMzantsi Afrika (Cricket South
kufuneka babekele bucala usuku lube lunye ekuza kuthethwa ngobuhlanga kuphela
ngalo. UMthethwa ukuthethe oku emva kwentlanganiso ebiphakathi kwakhe namagqala
awayedlala iqakamba kudala axhasa iphulo likaLungisani Ngidi elichasene
nobuhlanga, “iBlack Lives Matter”. Kwinyanga ephelileyo, uNgidi (24) wacela
oogxa bakhe kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika ukuba baxhase iphulo elilwa
ubuhlanga (BLM) – kodwa wahlaselwa ngamazwi amabi ngabadlali bakudala
abamhlophe abathi makaqale axhase iphulo elilwa ukubulawa kwamafama amhlophe
ukuze avakale. Kwangoko, amagqala weqakamba amnyama, aquka uMakhaya Ntini
noLonwabo Tsotsobe, axhasa uNgidi ngokuphelele atsho ebhentsisa impathombi yawo
ayifumana kumaqela eqakamba nakwiqela lesizwe ngeentsuku zawo zokudlala
iqakamba.
UMongameli weCricket
SA, uMnu. uChris Nenzani, ukhwebe intlanganiso ebinabadlali nabaqeqeshi
bakudala – apho azivele ngokwakhe okwenzekayo kwiqakamba ngaphambili. Sekulithuba
elide imidlalo efana neqakamba nombhoxo iphakathi kweminye imiba etshisa ibunzi
kuba isabonwa njengemidlalo yabamhlophe kuphela. Nangona uMzantsi Afrika
uneminyaka engaphaya kwamashumi amabini wazuza inkululeko – kodwa akukabikho
nguqu ncam kuloo midlalo futhi abadlali abamnyama abakawanikwa amathuba
okudlala ngokwaneleyo nangona bebaninzi abantu abayidlalayo. Konke okwenzekayo
kwenzeka nakubeni umbutho weqakamba wawuzibekele umyinge othile wabadlali
abamnyama obafuna kwiqela lesizwe. “Kufanele amaqela eqakamba awuthathele
ingqalelo umba wenguqu. Ndakube ndophula umgaqosiseko ukuba akukho nto
endiyenzayo ngokubandakanywa kweentlanga zonke emidlalweni,” utshilo uMthethwa.
UMongameli weCSA uthe ungayivuyela intlanganiso ekunokuthi kuphononongwe kuyo
umba wenguqu kwezemidlalo.
Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!