Umqeqeshi uchulumancile emva kokuba aBafana Bafana bephumelele iCosafa Cup

Abadlali boMzanti Afrika bebhiyozela indebe yeCosafa emva kokubetha iSenegal emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika ziintshatsheli ezivunyiweyo zeCosafa Cup emva kochungechunge lwemidlalo ebibanjelwe eGqeberha isithuba seeveki ezimbini zonke. UMzantsi Afrika uphakamise indebe emva kokubetha iSenegal ngo’5-4 kumapenela emdlalweni wokugqibela eNelson Mandela Stadium ngomhla wokuzalwa kukaDalibhunga owalandulelayo eli limagad’ ahlabayo eminyakeni egqithileyo. Impumelelo yaBafana Bafana ifike kakuhle abantu belizwe benxunguphela emva kwezixholoxholo ebeziKwaZulu-Natal naseGauteng. Kwaye kwanyanzeleka uMorena Ramoreboli athathe iintambo emva kokuhlaselwa kukaHelman Mkhalele – obenikwe uxanduva lokudibanisa aBafana Bafana njengokuba uHugo Broos, umqeqeshi weqela lesizwe, esavalelwe eBelgium yimithetho yeKhorona ephantse yadlakaza amalungiselelo phambi kokuqalwa kwemidlalo yeCosafa. UMkhalele nomdlali wasemva weSuperSport United, uKeenan Philips, abakwazanga ukuba yinxalenye yeqela lesizwe yade yafikelela esiphelweni itumente.

“Ndonwabe kakhulu,” utshilo uRamoreboli, evuyela umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali abasakhulayo. “Ekuqaleni kwentumente, bekunzima kakhulu ngenxa yeengxaki ezisehleleyo enkampini. Kodwa ndifuna ukuncoma abadlali banaqeqeshi. Benze umsebenzi omhle kakuhle. Siqale itumente sinabadlali abalishumi elinesithathu qha. Kuhle ukuphumelela kwethu ngoba sikusebenzele. Ikamva liqaqambile ngoba wonke umsebenzi wenziwe ngabadlali abatsha abangeyonxalenye yeqela lesizwe. Sishumi elinambini lonke labadlali abatsha abadlalele iqela lesizwe okokuqala kwiCosafa Cup. Lo nto ithethe ukuthi uHugo Broos uza kuba nenani elaneleyo labadlali aza kukhetha kulo,” utshilo uRamoreboli emva komdlali ophele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.

Njengokuba uBroos eza kuchonga abadlali abaza kulwela ukuya kwiNdebe yeHlabathi kwilizwe laseQatar kunyaka ozayo, abadlali abaziqaqambisileyo abafana noVeli Mothwa, uSiyethemba Sithebe noVictor Letsoalo banethuba elihle lokubethelela iindawo zabo kwiqela lesizwe. Umqeqeshi othethe amazwi amnandi ngoMothwa – obe nguKapteni woMzantsi Afrika. “Amaciko adla ngokuthi iinkokeli azenziwa, ziyazalwa. Unazo iimpawu zobunkokeli. Enye yezinto esibakhuthaze kuyo abadlali kukuziqaqambisa kwiindawo abadlala kuzo. UVeli uye wangunozinti wetumente, uSithebe ngumdlali wetumente kanti yena uLetsoalo ube ngumdlali onamagowuli amaninzi,” utshilo umqeqeshi. Eyona nto encomekayo eyenziwe ngaBafana Bafana kukugqiba itumente kungafakwanga nelinye igowuli kubo.