Umqeqeshi ujonge ukulungisa iimpazamo zeFB United ebethiweyo kwakhona

USive Maxham ngumqeqeshi weFB United emva komdlalo eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Emva kwemidlalo emibini kwiBrutten Top 10 exhaswa nguTekkie Town, iFB United isakhangela impumelelo yayo yokuqala. Igoduke iqhwalela emva kokuvuthululwa yiBCM ngo’22-5 emdlalweni obusemalanga eSisa Dukashe Stadium ebimumathe inani elihle labalandeli bombhoxo ngempelaveki egqithileyo. Njengokuba amaqela agqwidizileyo kwiveki yokuqala ephumelele kweyesibini, yena umqeqeshi weFB United, uSive Maxham, usabala iimpazamo zabadlali bakhe kwiBrutten Top 10 eqale kule nyanga iphelayo.

Onke amaqela anabadlali abazimiseleyo. Yiyo lo nto imidlalo yeBrutten Top 10 inomtsalane ebantwini baseMdantsane eyaziwa kakhulu ngokuthanda umdlalo wamanqindi. Into amaqela ohlukene ngayo kukunxanelwa ukuphumelela nokusebenzisa amathuba emidlalweni. Kuzo zozibini izigaba zomdlalo, iFB United ayiqhubanga kakuhle ngoba ayikwazanga ukudala amathuba acacileyo. Ngabadlali beBCM abawulawuleyo umdlalo futhi babonisa ukuba bafuna amanqaku apheleleyo.

Iyiphumelele yomibini imidlalo yayo iBCM. Kwiveki ephelileyo icambalalise iKomga United ngo’32-12 emdlalweni wokuvula itumente. Ngokuphumelela kwayo iBCM, lo nto iyinika amandla okuya emidlalweni elandelayo inethemba lokuya kwimidlalo yamanqam. Umqeqeshi ukhale kakhulu ngezigqibo ezenziwe ngabadlali kwiindawo ezibalulekileyo ebaleni. “Ibingumdlalo wombhoxo obumhle kakhulu lo siphuma kuwo,” utshilo uMaxham osakhulisa abadlali abaqalayo kumgangatho ophezulu.

“Kwisiqingatha sokuqala siphazanyiswe ngumoya. Awukwazi ukubaleka nebhola umgama omde ebaleni oko. Kuye kwakhona ukudinwa ebadlalini bethu okuthe kwachaphazela indlela abadlale ngayo. Asikwazanga ukuzikhusela kakuhle ngenxa yokudinwa. Ukuthatha izigqibo yeyona nto ebenomthelela kwindlela esidlale ngayo. Ndingatsho ndithi sizibethe ngokwethu, andizami ukuyidelela ngaloo mazwi iBCM. Asidlalanga ngendlela ebilindelekile. Emidlalweni ezayo siza kwenza izilungiso,” utshilo umqeqeshi.