Umqeqeshi weBafana Bafana uthi enye yezimvu zakhe idukile

Stuart Baxter, coach of South Africa during the 2019 TOTAL African Cup of Nations South Africa training at the Steyn City School, Johannesburg on the 07 June 2019 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Iindaba eziphuma
enkampini yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo zithi enye yezimvu zikaStuart
Baxter idukile kwaye ayaziwa nokuba iphi. URivaldo Coetzee, 22, ligama lomdlali
ekuthiwa akaziwa ukuba uphi emva kokuba ebecele ukuya ekhayeni kwiintsuku
ezintathu ezigqithileyo. Lo mdlali wasemva odlalela iMamelodi Sundowns, ngomnye
wehlokondiba labadlali abayinxalenye yeqela lesizwe elilungiselela indebe
ye-Afrika (2019 AFCON) eza kudlalelwa kwilizwe laseYiphutha ekukekeleni kwale
nyanga yeSilimela. Ngokokutsho kukaBaxter, uRivaldo Coetzee, ubike ingxaki
yokugula komzali wakhe watsho ecela ukuyokumkroba ekhayeni lakhe.

“Nditsalelwe
umnxeba nguRivaldo ngeCawe edlulileyo. Uthe kum umama wakhe akaphilanga
kakhulu. Uye wacela ukugoduka. Ndithe kuye kulungile makagoduke – kodwa ndamxelela
okokuba uza kuphoswa ngoba bazakube bezilolonga abanye abadlali. Ndimbuzile
okokuba ikhona into ebeyenza ukusukela oko kwavalwa isizini, uthe hayi. Ndithe
kuye kulungile. Samnika ke imvume yokuya kowabo ukuze ayokumbona unina – kodwa ukusukela
ngoko, akakabonakali nangongotshengele kwaye akafumaneki nasemnxebeni. Sizamile
ukumkhangela, asaphumelela. Esingakutsho kukuba useNorthern Cape
kwaye asingeke sikwazi ukumgcina eqeleni eliya kwi-Afcon,” utshilo uBaxter.

UCoetzee ngumdlali
wesibini oshiye inkampu yeqela lesizwe ngendlela engacacanga. Kwiveki
ephelileyo, uPhakamani Mahlambi weSundowns, ukhululwe nguDavid Notoane kwinkampi
yeBafana Bafana edlala iCOSAFA Cup ebanjelwe eThekwini, kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Ukuthi shwaka kukaCoetzee kunyanzela uStuart Baxter ukuba amkhuphe kwiqela
labadlali eliza kumela uMzantsi Afrika ekulindeleke okokuba alibhengeze
ngeCawe. ABafana Bafana baza kudlala imidlalo wokucweya emibini nelizwe
laseGhana ngoLwesihlanu weveki ezayo nelase-Angola phambi kokujolisa imibombo
kwelaseYiphutha – apho baza kudlala khona ne-Ivory Coast umdlalo wokuqala
we-Afcon ngomhla wamashumi amabini anesine kule yeSilimela.