Umqeqeshi we-Orlando
Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, unethemba lokuba abadlali bakhe ababini
bayakuthi bayiphose ngasemva eyokuphoxeka kweZambia kwiveki ephelileyo. UJustin
Shonga no-Augustine Mulenga babuyele eMzantsi Afrika ekuqaleni kwale veki emva
kokudlala emdlalweni ohlakulela i-2019 Afcon. Ezi folosi zimbini beziyinxalenye
yeZambia ebethwe yiMozambique ngo’1-0, kodwa kwiPirates ngabona badlali abahlaselayo
aza kuthembela ngabo uSredojevic. UMicho unethemba lokuba uShonga noMulenga
bayakuthi benze indima ebonakalayo emdlalweni wangomso (Mgqibelo) xa iPirates
idibana neKaizer Chiefs emdlalweni weTelkom Knockout ozakube useMoses Mabhida
Stadium ngentsimbi yesithathu.
Umdlalo weTelkom
ubaluleke kakhulu kwiPirates nakumqeqeshi ngoba lithuba elihle lokuya kumdlalo
wokugqibela weTelkom Knockout ozakube useNelson Mandela Bay Stadium ngomhla
wesibhozo kwinyanga ezayo. Kunokwenzeka ukuba umoya kaShonga noMulenga ube
phantsi emva kokungakwazi ukunceda ilizwe labo. “Ukungayi kwelizwe elifana
neZambia kwi-Afcon yinto engelulanga. Sibamkele enkampini – kodwa into
eyenzekileyo ayibaphathanga kakuhle emoyeni. Bunjalo ubomi; banokulinceda ilizwe
labo ngo-2021. Indlela yokususa okwenzekileyo kukwenza into abafanele kukuyenza
ebaleni ngoMgqibelo,” uMicho ucatshulwe yiKickOff.com ethetha loo mazwi.
Umdlalo ophakathi
kweChiefs nePirates uza kunika umdla kakhulu ngoba iPirates iyiphumelele
yomibini imidlalo kulo nyaka. Kanti yona iChiefs ayikwazanga ukubetha iBucs
izihlandlo ezilishumi emidlalweni egqithileyo. Nakubeni kunjalo, umdlalo
wangomso unika amaqela omabini ithuba lokuphumelela indebe. UVincent Pule
no-Innocent Maela banceda Ezimnyama emdlalweni ezawuphumelela ngo’2-1 eFNB
Stadium kwinyanga ephelileyo. Kodwa umdlalo wangomso mtsha futhi nayo iChiefs
ifuna ukulungisa izinto. Ukugxeleshana ngamehlo kwala maqela mabini aseSoweto
kukoba okutsala kakhulu umdla wabalandeli bebhola eMzantsi Afrika nabakumazwe
angaphandle.
Kubanjwe abarhanelwa abangama84 kwisithili saseSarah Baartman