Umqeqeshi weChiefs uthi iqela lakhe liqhathiwe eZanzibar

Giovanni Solinas, coach of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Chippa United at Moses Mabhida Stadium, Durban on 10 November 2018 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Abalandeli
baMakhosi bazizinto zokuhlekisa kumakhasi onxibelelwano afana nooFacebook,
uTwitter noWhatsApp kule sizini. Lo nto ibangelwa yindlela eqhuba ngayo kakubi kule
sizini nakubeni bekukhe kwakho intlantsi yethemba ngathuba lithile kwiinyanga
zokuqala kule sizini emva kokufika komqeqeshi omtsha. Njengokuba iKaizer Chiefs
ingafumananga nedobilityi phantsi kukaSteve Komphela iminyaka emithathu,
bekukho ithemba lokutshintsha kwezinto apha phantsi kukaGiovanni Solinas kodwa
naye akaqhubi kakuhle ngoku. Amakhosi aphoswe lithuba lokuphumelela iindebe
ezimbini zonke: iMTN 8 neTelkom Knockout. Ziindebe ezo ebekucingeleka ukuba
iChiefs ingaxolisa ngazo abalandeli bayo abaneengcwangu.

Kule veki ngoLwesibini,
iChiefs ihlazwe lifokofoko leqela laseZanzibar ekuthiwa yiZimamoto ngo’2-1
emdlalweni wesibini weCaf Confederation Cup. Ukubethwa kwayo akubaphathanga
kakuhle konke abalandeli bayo. Amagowuli amabini afakwe ngepenela nguYussuf
Mtuba anike iZimamoto impumelelo engasoze iyilibale kwimbali yayo yebhola
ekhatywayo kuba ingaqhelanga nokudlala kwimidlalo yeCaf. Igowuli leChiefs
lokubika ekhaya lifakwe nguLebogang Manyama kwisigaba sesibini. IChiefs iwuphumelele
ngo’4-0 umdlalo wokuqala obuseNelson Mandela
Bay
kwiveki ephelileyo.
Lo nto ithethe ukuthi iya kumjikelo olandelayo ngo’5-2 – kodwa ayisindanga
ekugxekweni emva kokubethwa liqela elincinci ebholeni.

Umqeqeshi weChiefs,
uGiovanni Solinas, uthi iqela lakhe liqhathiwe eZanzibar emva kokohlwaywa
kweqela lakhe ngepenela. “Besifuna ukuwuphumelela nomdlalo wesibini.
Ungazibonela nawe, uza kubona ukuba amapenela ewanikiweyo (iZimamoto)
awacacanga. Siyavuya kodwa ngoba siya kumjikelo olandelayo,” utshilo uSolinas
kwikhasi lomnatha leChiefs (www.kaizerchiefs.com).