Umqeqeshi weChippa United ufuna amanye amanqaku

UPaseka Mako weChippa United egqitha uErwin Isaacs weAjax Cape Town eSisa Dukashe

Omnye wemidlalo ezakuthi ibe nomtsalane ngulowo ozakube useBhayi kule mpelaveki.

IChippa United efuna indawo kwiTop 8 inyathelana ne-Ajax Cape Town ezama ukuphepha izembe kumdlalo weAbsa Premier Soccer League ngo’15:00 eNelson Mandela Bay Stadium ngeCawe.

Eyona nto eyakubangela utshise lo mdlalo kukuba iAjax indwendwela iMpuma Koloni inethemba lokufumana amanqaku anokuyinceda ukuze isuke kwindawo ekuyo ngoku.

Kwelinye icala umqeqeshi weChippa United, uVladislav Heric, uzingela amanye amanqaku apheleleyo.

Nangona ekelema kakhulu nje amaqela asemsileni – kodwa akufanelanga ukuba kube nzima kwiChippa United emva kokubetha iKaizer Chiefs ngo’3-0 kwiveki ephelileyo ngoba abadlali bakhuthazekile.

UHeric unethemba lokuba iqela lakhe lakuthi likwazi ukuyiphumelela imidlalo yalo eliza kuyidlalela ekhaya nangona ingengomsebenzi olula nje lowo.

“Eyona nto isemqoka ngoku kukuqinisekisa ukuba iintloko zabadlali aziphazamiseki. Leyo yeyona nto eza kubanzima emva kweziphumo ezihle. Siza kuzama ukuqokelela amanqaku ukuze sikwazi ukuya phezulu kwiPSL. Kuhle ngoku ngoba imidlalo esiza kuyidlala mibini ekhaya nasekuhambeni mibini. Ngeke sazi into eyakwenzeka – kodwa ndicinga ukuba sisekhondweni elihle lokuvala isizini sikwiTop 8,” utshilo uHeric emva kokubetha iChiefs.

Lo mdlalo wempelaveki ubaluleke kakhulu kuMuhsin Ertugral ngoba uza kucacisa ikamva leAjax Cape Town.

UMuhsin Ertugral uthi imidlalo emithathu kwemihlanu uthi yeyona enokulikhupha engxakini iqela lakhe.

Ukuze kwenzeke oko, kufuneka iAjax iqinisekise ukuba iyaphumelela ngeCawe. Nakubeni lizama nokuphepha izembe eli qela laseKapa – kodwa eyona nto iliduba kakhulu kukungabikho kukaTendai Ndoro.

Inyewe kaNdoro isenkundleni emva kokuba amaqela amabini athi akakwazi lo mdlali ukudlaliswa yiAjax emva kokudlalela amaqela angaphezulu kwesibini kwisizini enye.

Imidlalo yePSL:

NgoMgqibelo: Sundowns vs Bidvest Wits @Loftus Versfeld Stadium, 15:00; Free State Stars v Bloemfontein Celtic @Goble Park Stadium, 18:00; Chiefs vs Platinum Stars @FNB Stadium, 20:15; Cape Town City v SuperSport @Athlone Stadium, 8.15

NgeCawe: AmaZulu v Pirates @King Zwelithini, 15:00; Baroka FC vs Maritzburg United @Old Peter Mokaba Stadium, 15:00