Umqeqeshi weChippa United uyifungele iChiefs!

Kulindeleke kume yonke into eBhayi ngale njikalanga yanamhlanje njengokuba kukho umdlalo omkhulu webhola ekhatywayo.

IiChilli Boys zamkela Amakhosi kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngo’18:00 eNelson Mandela Bay Stadium.

Lo mdlalo ubaluleke kakhulu kuwo omabini la maqela – kwaye iChippa United izimisele ukusebenzisa wona ukuze ibuyise isingqi sayo ebiqale ngaso le sizini ka’2016/17.

Kwimidlalo esibhozo, iChippa United, ayiphumelelanga nomye umdlalo – lo nto ayimonwabisanga umqeqeshi wayo uDan Malesela.

UMalesela ukhala ngamathuba angasetyenziswa kakhuhle ngabadlali bakhe emidlalweni – kodwa kulo umdlalo uthi uqinisekile ngokuguquka kwezinto.

“Ngoku ingqondo zethu sizibethelele kulo mdlalo wethu neKaizer Chiefs,” utsho uMalesela kumajelo endaba.

Idabi phakathi kwala maqela lizakubanzima ngoba nayo iChiefs iphantsi koxinizelelo olumandla ngenxa yokunqaba kweziphumo ezincomekayo kwimidlalo emihlanu yonke edlulileyo. USteve Komphela uze eBhayi efuna amanqaku apheleleyo ukuze acuthe umsantsa ovulekayo phakathi kweqela lakhe nalawo aphala phambili kwiPSL.

IiChilli Boys ziya kulo mdlalo zijingxela emva kokonzakalelwa ngabadlali abaphambili.

“Kunyanzelekile senze utshintsho ngenxa yabadlali bethu abonzakeleyo. Kukho izinto ezibalulekileyo esizifundileyo kumdlalo wethu ogqithileyo. Kodwa nalo umdlalo awahlukanga kulowa besiwudlala neMaritzburg United phakathi evekini,” utsho Umalesela.

Lo mqeqeshi, ozibalule kwiPSL ngokudlalisa iqela lakhe ibhola enomahluko nebukelekayo kunamanye amaqela, uyakuqonda ukubaluleka kokufumana amanqaku apheleleyo kulo mdlalo. Uthi namhlanje ibali lokuphoswa kwamathuba ngabadlali bakhe liyaphela.

“Besithetha into enye ngoLwesibini odlulileyo – kodwa kulo umdlalo kuyanyanzeleka izinto ziguquke. Amanye amaqela anesimbo sokuhlala emva xa edlala nathi, ndinethemba iChiefs ayizukuyenza lo nto. Liqela elithanda ukuwuthathela kulo umdlalo noko amaxesha amaninzi. Nayo iza apha kuba ifuna ukuphumelela,” utshilo uDan Dance.