Umqeqeshi weGhana uyahamba emva kwe-2017 Afcon!

Umqeqeshi weGhana, u-Avram Grant, uyahamba emva kwe-Afcon. Umfanekiso: BackpagePix

Inani labaqeqeshi abalahlekelwe yimisebenzi emva kokungaqhubi kakuhle kwi-2017 Afcon liya lisanda. Umqeqeshi weGhana, u-Avram Grant, ngomnye wabaqeqeshi abaphulukana nomsebenzi.

Oku kulandela isigqibo esithathwe zizikhulu zombutho olawula ibhola ekhatywayo eGhana sokungasihlaziyi isivumelwano sakhe sengqesho phambi kwale tumente. UGrant waqala ukuqeqesha iGhana phambi kwe-2015 Africa Cup of Nations ebisingathwe yi-Equatorial Guinea. Namhlanje iiBlack Stars zidlalela indlawo yesithathu kweyona tumente inkulu yezwekazi le-Afrika emva kokuguqiswa phantsi ngo’2-0 yiCameroon kumdlalo obutshisa bhe phakathi evekini.

Kanti kwi-Afcon edlulileyo, iGhana yabethwa kumdlalo wamagqibela kankqoyi yi-Ivory Coast eyathatha indebe ekugqibeleni.

UGrant, 62, uthele thsuphe amajelo endaba ngokuhamba kwakhe ngethuba ethetha emva komdlalo waphakathi evekini.

“ Ndakusoloko ndineenkumbulo ezintle – kodwa ndinethemba lokugqibelisa kakuhle,” utshilo uGrant ongafunanga ukunaba ngokuhambakwakhe.

Iindaba ezivakalayo ngabo basemfuthweni zithi le ndedeba ibingenakugcinwa yiGhana ngoba ichitha ixesha elincinane kakhulu eGhana. Nangona AmaGhana ekhutshwe ngomzuzu wokugqibela kule tumente – kodwa ikwa lelinye lamazwe adlale ngcono kule tumente. Akwanelanga oko kodwa kubalandeli bela lizwe laseGhana ngoba kudala ilizwe labo lingade lifumane indebe noxa lidlala kakuhle.

“Bendifuna ukuya kumdlalo wamagqibela kankqoyi. Ukubethwa kwethu kuyandicaphukisa ngoba sidlale ngcono ngala mini – kodwa sabethwa. Iqela lam lidlala kakuhle nangona kungekho ndebe siyifumeneyo. Kwi-Afcon edlulileyo sabethwa kumapenela, ngoku sibethwe phambi komdlalo wokugqibela. Ndicinga besifanelwe kokungcono kunale into siyifumeneyo,” utshilo uGrant.

Ngoku iGhana izakukhangela umqeqeshi omtsha ozakuthi ayise kwindebe yehlabathi ezakube iseRussia ngo’2018 ne-Afcon elandelayo ezakube iseCameroon kwisithuba seminyaka emibini ezayo.