Umqeqeshi wePirates uncoma iifolosi zakhe

Iifolosi ze-Orlando Pirates zibe negalelo elikhulu ukuzakuthi ga ngoku kwimidlalo yeCaf Confederation Cup – lonto ibangele * -Eric Tinkler ukuba angawuvali umlomo wakhe yindlela ezisebenza ngayo.

UThamsanqa Gabuza noKermit Erasmus bafake amagowuli amahlanu umntu ngamnye, kwaye kusalindeleke lukhulu nakule midlalo yokugqibela izayo.

Emva kokuba iqela lakhe lifikelele kwimidlalo yamagqibela kankqoyi kukhuphiswano lweCaf, uTinkler uthi aba badlali, ukudlaliswa kwabo phambili bobabini, kuyisebenzele iPirates kakhulu futhi watsho encoma umsebenzi wabo ukusukela ekuqaleni kwale midlalo yeConfederation Cup. “UGabuza ngumdlali onamandla, abantu bayibonile indlela afake ngayo igowuli kula mdlalo wethu ne-Al Ahly. Amandla wakhe andumangaliso – kwaye akanikezeli. Lo nto iyamceda kakhulu ke uKermit adlala naye,” utsho uTinkler. Ngoku Amabhaka-bhaka kulindeleke ukuba asindleke i-Etoile du Sahel yaseTunisia ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga ezayo kumdlalo ekulindeleke ukuba ubese-Orlando Stadium. Njengokuba iBucs iliqela ekuphela kwalo apha emazantsi e-Afrika elathi laphumelela iCaf Championship League, ngoku lisecicini lokubamba enye indebe ebalulekileyo kwibhola yeli lizwekazo le-Afrika. I-Orlando Pirates yiyo kuphela kulo nyaka eqhube kakuhle kwimidlalo yeCaf nangona kwakhukho amaqela anjenge Kaizer Chiefs, Mamelodi Sundowns neBidvest Wits nje.

Onke la maqela akhankanyiweyo zange adlule nakumjikelo wesibini weChampionship League neConfederation Cup – nto leyo ebeke uxinizelelo kwiPirates ngakumbi njengeqela elihlala lisenza kakuhle. Lo mqeqeshi ebephantsi koxinizelelo kwimidlalo ye-Absa Premier Soccer League ubancomile abalandeli abaxhase iqela lakhe ukusukela ekuqaleni ukuzotsho ngoku watsho esithi amancwasanga kutshintsha nto futhi bafuna impumelelo ekugqibeleni.