Umqeqeshi wePirates uthi lisekhona ithemba lokuzuza indebe kule sizini

Milutin Sredojevic coach of Orlando Pirates during the Telkom Knockout Last 16 Orlando Pirates and Chip United on the 20 October 2018 at Orlando Stadium, Johannesburg / Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iintliziyo zaMabhakaniya
zichontsiza igazi! Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMilutin “Micho” Sredojevic, uthi
kufuneka bavuthulule baye edabini emva kokuwa phantsi kweenzame zeqela lakhe
kwiTelkom Knockout kwiveki ephelileyo. Ezimnyama zibethwe yiBaroka FC ngo’3-2
kumapenela phambi kwamashumi amane amawaka (40 000) abalandeli eNelson
Mandela Bay Stadium ngoMgqibelo ogqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba kuye
akwabikho elifuna ukuyiswa kwimizuzu elikhulu elinamashumi amabini emdlalweni
ophele ingu’2-2 ebhodini. Abalandeli bePirates bebenethemba lokufumana indebe
emva kwendlala yeminyaka eminye. Kwelinye icala, iBaroka ibhale imbali
ngokutsha ebholeni ngokuthi iphumelele indebe yayo yokuqala ukusukela oko yathi
yanyuselwa kwaPSL kwisithuba seminyaka emithathu edlulileyo.

IPirates
ibethwe kakhulu kukukhutshwa kukaMarshall Munetsi ngekhadi elibomvu ngoba emva
koko iBaroka iye yafumana igowuli phambi kokuya kwixesha lokuphumla. Nakubeni
iBucs ibidlala ingaphelelanga ebaleni – kodwa ilwe kwade kwasekugqibeleni futhi
ifake amagowuli amabini ilandela ngasemva izihlandlo ezibini. UMicho uthe
abadlali bakhe bebezinikele emdlalweni futhi unethemba lokuba iqela liza
kuphinda lomelele kwakhona. “Sidlale kakuhle kakhulu. Besiyifuna indebe kwaye
ndiyathemba wonke umntu uyibonile lo nto. Amapenela aphunyelelwa nokuba
ngubani. Asibethwanga endaweni yoko sifunde isifundo. Xa kufakwa amagowuli kude
kube kabini kukho umdlali ongekhoyo, uyalwa. Lo nto iluphawu elibonisa izinto
esinokuthi sizenze. Ndicinga ukuba siza komelela ngakumbi,” utshilo uMicho
obegxeleshe ukuphumelela indebe yokuqala kwisizini yakhe yesibini eqeqesha
iBucs.

Amagowuli
weBaroka afakwe yifolosi uJendrome Dickens kwisigaba sokuqala somdlalo nomdlali
onesiphiwo esingummangaliso uMduduzi Mdantsane ngepenela. Kanti amagowuli wePirates
aze noMusa Nyatama noThembinkosi Lorch ongakwazanga ukufaka ipenela yokugqibela.
“Ndiyakholelwa ukuba size emdlalweni sizilungiselele ngokupheleleyo. Yonke into
siyenze kakuhle – kodwa siphoxwe likhadi elibomvu saphosa namathuba kwimizuzu
yokugqibela emdlalweni. Kusekho indebe yePSL, iNedbank Cup neChampions League.
Eyona nto ibalulekileyo ayikokuba ubethwe kangakanani; ubomi bungokuba womelele
kangakanani na. Kufuneka sivuthulule siye phambili ngoba indebe siyayifuna,”
uvale ngaloo mazwi uMicho emva komdlalo.