Umqeqeshi wePirates uyifungele iSimba SC emdlalweni osekhaya

UMandla Ncikazi ngumqeqeshi we-Orlando Pirates. Umfanekiso: Kabelo Leputu/BackpagePix

Umqeqeshi we-Orlando Pirates, uMandla Ncikazi, ubuye engonwabanga yimpatho enikwe iqela lakhe ebaleni nakwindawo ebelihleli kuyo ngethuba liseTanzania. Emva kokuba iSimba SC ibethe iPirates ngegowuli elinye eqandeni, uNcikazi ubaxelele iindaba zabo abantu baseTanzania. Indlela athethe ngayo ibakhwinisile abaphathi beSimba. Kuthe gqi ipenela umdlalo usiya ekupheleni. UShomari Kapombe uyifakile ipenela, yaphumelela ngaloo ndlela iSimba. Emva komdlalo uNcikazi uthe iSimba ayiphumelelanga ngoba incedwe ngusompempe othathe isigqibo esingafanelekanga. Lo nto ifikele kwezinye izinto ekucacu ukuba zenzeke kungekangenwa ebaleni.

“Bekungafanelanga ukuba sibethiwe apha. Njengabantu balapha eAfrika, mayiphele le nto yokuphathwa kakubi kwabantu xa bezokudlala apha eTanzania. Benisiphethe okwezilwanya phambi komdlalo, phofu kuzo zonke iindawo esiya kuzo siphathwa kakubi,” utshilo uNcikazi obebhodla idangatya. “Lo ngumdlalo ekufanele usimanye singama-Afrika – kodwa endaweni yoko siyaxhatshazwa. Imithetho ithi emdlalweni makubekho iVAR, namhlanje ibingasebenzi. Ingajongwa la penela, ayikho enjeya. Umdlali wethu ufike kuqala ebholeni.

“UNdlovu wethu akayinikwanga ipenela phambi kwale yeSimba SC – kodwa usompempe khange azihluphe nangokuyijonga. Ayopenela leya ifakwe kuthi. Ibisebenza iVAR?” ubuzile uNcikazi obesisifu ngumsindo emva komdlalo. “Niyenzelani le nto kwamanye ama-Afrika xa eze kwiSimba? Ingaba nilindele impatho efanayo eMzantsi Afrika? Kufanele nibenentloni yindlela eniziphethe ngayo. EMzantsi Afrika iza kuphathwa kakuhle iSimba ngoba thina siyakwazi ukuphatha iindwendwe,” utshilo uNcikazi othe iPirates iza kulwela ukuphumelela ekhaya emva kokubethiswa ngusompempe. Emva kweentetha zikaNcikazi, abaphathi beSimba bamkile kwiCAF nakwiFIFA batsho besithi boyikisela ubomi babo xa beze eMzantsi Afrika.