Umqeqeshi weSPAR Proteas uthi zange wathembisa ngeGolide

Abadlali beSPAR Proteas phambi komdlalo wayizolo. Umfanekiso: Netball South Africa

Emva kokuba uMzantsi Afrika uwe phantsi kwilinge lawo lokuphumelela iNdebe yeHlabathi yalo nyaka ebanjelwe eKapa kwiphondo leNtshona Koloni, uNorma Plummer uxelele iintatheli ukuba yena zange athembise ngeembasa zegolide. UPlummer ukuthethe oku emva kokuba uMzantsi Afrika ubethe i’Uganda ngo’52-50 emdlalweni obalulekileyo eCape Town International Convention Centre izolo. Nakubeni uMzantsi Afrika ukwazile ukuphumelela umdlweni wayizolo – kodwa awukwazanga ukufumana inani lamagowuli ebefliuneka emdlalweni ukuze udlulele kwisigaba esilandelayo setumente yehlabathi. “Andizange nakanye ndithembise ngokuphumelela iimbasa zegolide,” utshilo uPlummer emva komdlalo izolo. Akuthethayo kukhabana nobekusoloko kuthethwa nguMongameli weNetball South Africa, uCecilia Molokwane, phambi kokuqala kwetumente yehlabathi yomnyazi.

UMolokwane wathi uMzantsi Afrika kufuneka uvale itumente ngomhla wokugqibela. “Umntu owenza isithembiso nguMongameli weNetball South Africa. Enyanisweni, ibingeke yenzeke into enjalo ngoba iqela lidibene enkampini kathathu qha libe liza kudibana neentshatsheli zehlabathi. “Abanye abadlali babadlali bethu badlala kwinqanaba elisezantsi kunabadlali bamaqela esidibene nawo kule tumente. Ndizingomba isifuba ngendlela abadlale ngayo ngoba bebedlalela ukuphumelela. Iqela lona liyakhula,” utshilo uPlummer, okunokwenzeka ayeke ukuqeqesha iSPAR Proteas emva kwetumente. Wabuyiswa yiNetball South Africa emva kokugxothwa kukaDorette Badenhorst owayengaqhubi kakuhle kunyaka ophelileyo. Yena uBongiwe Msomi uvakalise udano emva kokungakwazi kweqela lakhe ukuya pgambili kwitumente esingathwe nguMzantsi Afrika.

“Noxa siphumelele kodwa siphoxekile. Emva kokubambana neNew Zealand, yabangathi siphumelele. Sibuye ngamandla kwisigaba sesibini (izolo) kuba besifuna ukuhlala sikhokela emdlalweni. Soyisakele ukwenza ngokwaneleyo. Besikufuna ukuya kumjikelo olandelayo we2023 Netball World Cup. Kulo mdlalo esigqiba ukuwudlala ne-Uganda, sithe masiyeni emdlalweni sibone ukuba siza kusebenza sime ndawoni. Siphoxekile ngoba ilinge lethu aliphumelelanga,” utshilo uMsomi emva komdlalo. Ngoku uMzantsi Afrika uza kudlala neTonga namhlanje. Iqela eliphumeleleyo liza kubamba indawo yesihlanu, elinye eyesithandathu ngokulandelelana. UPlummer uthe xa urhulumente enokwakha iindawo zokudlalela umnyazi njengase’Australia, iqela lesizwe loMzantsi Afrika lomnyazi lingakhula kakhulu. Ungaphelanga lo nyaka, iNetball South Africa iza kukhangela umqeqeshi omtsha.