Umqeqeshi weSpurs uhlab’amadlala emva kokubethwa yiChiefs izolo

Isahleli emsileni iCape Town Spurs emva kokubethwa komnye umdlalo izolo ebusuku. Amakhosi, abengaqhubi kakuhle, avuke ngayo iCape Town Spurs ayibetha ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eFNB Stadium.

Noxa iKaizer Chiefs iphumelele – kodwa isinde cebeshu kubadlali beSpurs abayingozi nakubeni besedyongo ngeminyaka. Amagowuli weChiefs afakwe nguRanga Chivaviro obeqala ukubhakuzelisa umnatha kule sizini. Emva kwakhe kulandelise uEdson Castillo ngegowuli elifake ngentloko.

ULuvuyo Phewa inike ithemba iSpurs ngegowuli alifake phambi kokusongwa kwesigaba sokuqala. Kwisigaba sesibini, uChristian Saile ufake igowuli lesithathu emva kokuba engene endaweni kaChivaviro obeqale umdlalo kunaye.

Kuthe xa sekuphela umdlalo, uLuke Baartman ufake igowuli lesibini – kodwa akakwazi ukulihlangula iqela lakhe. Umqeqeshi weSpurs olibambela, uSean Connor, uthe iqela lakhe liphulukene nomdlalo ngoba abadlali bakhe bayihloniphe ngokugqithisileyo iChiefs emdlalweni wayizolo.

Iqela laseKapa liye emdlalweni wayizolo likhuthazekile emva kokuba libethe iPirates – umdlalo ebeliqala ukuzuza kuwo amanqaku amathathu kule sizini. Bezikhona iintlantsi ezithembisayo – kodwa iChiefs izincede ngokufaka amagowuli kwangoko emdlalweni.

“Isiqalo sethu khange sibesihle. Sithethile nabadlali phambi kokuqala komdlalo kwaye besinethemba leziphumo ezincumisayo. Awukwazi ukunika iqela elifana neChiefs amagowuli amabini kwangoko emdlalweni,” utshilo uConnor, onikwe uxanduva lokuhlangula iSpurs ebesikade siqeqeshwa nguShaun Bartlett phambi kokungena kwakhe.

“Kodwa ndikuthandile okwenziwe ngabadlali bethu kwisigaba sesibini somdlalo. Noxa umdlalo wethu ubucotha, siye sayiphucula indlela esidlala ngayo. Sinamanqaku amathathu ngoku emva kokudlala nePirates neChiefs. Ndiqinisekile abantu bebecinga ukuba akukho nto esingayizuza.

“Indlela esiwugqibe ngayo umdlalo iyancumisa futhi inika ithemba. Umsebenzi wam kukujonga iimpazamo esizenzileyo ndijonge indlela yokuzilungisa,” utshilo uConnor emva komdlalo. Ngempelaveki, iSpurs sindwendwela iRichards Bay etsala nzima emidlalweni yeDStv Premiership ngokungafaniyo nesizini yayo yokuqala.