Umqeqeshi weStellenbosch uwafuna shushu Amakhosi!

USteve Barker ngumqeqeshi weStellenbosch FC. Umfanekiso: ©Shaun Roy/BackpagePix

Umqeqeshi weStellenbosch FC, uSteve Barker, unethemba lokufumana amanye amanqaku apheleleyo emdlalweni wangempelaveki. Amakhosi andwendwela iStellenbosch FC emdlalweni weDStv Premiership oza kutak’ iintlantsi eCape Town Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngeCawe. Lo mdlalo ufana nokuba yimpinda yomdlalo weMTN8 obuphakathi kwala maqela omabini kwinyanga ephelileyo. Amakhosi agoduka encumile emva kokuhlutha iStellies intlaka sele isemlonyeni. Abaphathi bePSL bazise ukuba umdlalo uza kubanjelwa ebaleni elikhulu emva kokuba iDanie Craven Stadium ingazange ikwazi ukuwuginya umthamo omkhulu wabalandeli beChiefs abanyanzelisayo ukungena ebaleni emdlalweni ogqithileyo.

Umdlalo ophakathi kweStellenbosch neKaizer Chiefs usoloko usemilebeni yabantu ngoba kubakho izinto ezithethisayo. Omabini amaqela aya emdlalweni wangempelaveki egxeleshe impumelelo, ingakumbi iChiefs ingekangeni ncam egiyeni efunwa ngumqeqeshi wayo, uArthur Zwane. Ukuzithemba kuphezulu ebadlalini beStellies emva kokuba bebethe iMaritzburg United ngamagowuli amathathu eqandeni ekuqaleni kwale veki. Ngoku iliso likaBarker lisemdlalweni olandelayo. Ethetha emva komdlalo ogqithileyo, uBarker uthe: “Emidlalweni yethu emibini phambi kwalo, sifumene amanqaku amane ngokubetha iSwallows nokubambana neSekhukhune United ebonisileyo ukuba iyakwazi ukulwa ngokubetha iPirates.

“Kukuqokelela kanje ke okusincedayo. Sinomdlalo omkhulu phakathi kwethu neChiefs. Inomdlalo ngoLwesithathu (izolo), lo nto isinika ithuba lokuphumla nokuyijonga indlela eza kudlala ngayo. Umdlalo wona uza kuba mkhulu ndiqinisekile. Sinethemba lokuba abantu baza kuya eCape Town Stadium ngobuninzi babo,” utshilo uBarker emva kokubetha iTeam of Choice. UZwane neqela lakhe baphaantsi koxinizelelo ngoba boyisiwe kukuvelisa iziphumo ezincumisayo emidlalweni yale sizini. Kodwa ukudlalelwa komdlalo eKapa kuzindaba ezimnandi kwiChiefs ngoba iDanie Craven iyawabetha amaqela amaninzi ngenxa yobuncinci bayo.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: SuperSport United vs Sekhukhune United @Lucas Moripe Stadium, 19:30

Mgqibela: TS Galaxy vs Swallows @Mbombela Stadium, 15:30; Orlando Pirates vs Richards Bay @Orlando Stadium, 20:00

Cawa: Stellenbosch vs Kaizer Chiefs @Cape Town Stadium, 15:30