Umqeqeshi weSwallows FC ufuna ukulivavanya kwiPirates iqela lakhe

UBrandon Truter nengqonyela yeSwallows FC, uMnu. David Mogashoa, eDobsonville Stadium. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Umqeqeshi weSwallows FC, uBrandon Trutter, uthi umdlalo wangempelaveki uza kubonisa ukulungela kwalo isizini entsha eqala kwiveki ezayo. IziNyoni zaseDube ziza kudibana ne-Orlando Pirates emdlalweni weMTN 8 ekulindeleke utake iintlantsi e-Orlando Stadium ngentsimbi yesithandathu ngoMgqibelo. Ngumdlalo obalulekileyo kumaqela omabini ngoba aya emdlalweni efuna ukubonisa ukuba ayilungele isizini entsha. IPirates yeyona eza kudlala phantsi koxinizelelo ngoba iziintshatsheli ezikhuselayo emva kokuphumelela indebe yeMTN8 ekupheleni kuka-2020.

Nayo iSwallows FC, evale isizini ephelileyo ikwindawo yesithandathu, iza kufuna ukubonisa ukuba lo nto khange yenzeke ngempazamo. UTrutter uvumile kekambe ukuba umdlalo uza kuba nzima. “Yinto enkulu kakhulu kwiSwallows ukudlala kwiMTN8 Cup. Ngumdlalo obalulekileyo kuthi ngoba uza kubonisa ukulungela kwethu isizini entsha,” utshilo umqeqeshi weSwallows, ethetha neentatheli izolo. Iqela lakhe liyiqale kakuhle isizini egqithileyo kwaye likwazile ukoxutha amanqaku phantse kuwo onke amaqela amakhulu eMzantsi Afrika. Lo nto ingabakhuthaza abadlali beSwallows phambi kwedabi laseSoweto elidala elibandakanya amaqela amadala ebhola ekhatywayo.

“Ukudibana nePirates emdlalweni ngumsebenzi omkhulu kakhulu. abantu basoloko befuna ukuwabona ekhuphisana la maqela omabini. Into endinokuyithembisa abantu; umdlalo uza kuba mhle kakhulu. Omabini amaqela aza kudlalela ukuphumelela umdlalo,” utshilo uTrutter. Ngomhla wamashumi amabini anesibini, iSwallows iza kuvula isizini entsha yeDStv Premiership ngokudibana neBloemfontein Celtic umdlalweni oza kube useDobsonville Stadium. Emva kokuchitha iminyaka eliqela izamazama kumanqanaba asezantsi, iSwallows iza kulwela ukubethelela indawo yayo njengelinye lamaqela amakhulu kwiPSL.