UMqikela uza kuphekwa eGoli nguFarouk Khan!

UZusakhe Mqikela (17) ekunye nomqeqeshi wesikolo iXolilizwe High School, uMomelezi Mbobho, emva kwe-uLwazi Schools Super8 Festival eMsobomvu.

Umfundi waseXolilizwe High School, uZusakhe Mqikela (17), uza kufumana uqeqesho olusemgangathweni ophezulu kwiStars of Africa Football Academy ephantsi kwemboni yetalente eyaziwayo, uFarouk Khan.

Le ndodana yesikolo sakuGatyana ichongwe kutshanje emva kokugqwesa emidlalweni yeLwazi Schools Super 8 Festival ebibanjelwe eMsobomvu, eGcuwa. IStars of Africa Football Academy iyaziwa jikelele ngokuvelisa abadlali abaziwayo.

Naye uMqikela kulindeleke okokuba afumane uqeqesho olusezingeni oluphezulu eGauteng. UKhan weAcademy, owakhe walisekelamqeqeshi kwiKaizer Chiefs, uthe umfundi ochongiweyo uza kuhlala naye eGoli kwaye uza kumenzela yonke into.

“Ininzi italente endiyibonileyo ebadlalini balapha eGcuwa kwaye ndicinga ukuba idinga ukulandelelwa,” kutsho uKhan.

Uthe iitumente ezifana neSchools Super 8 Festival zifuna ukubanjwa rhoqo ukuze abadlali bafumane amathuba wokubonwa ngabachongi. Kodwa amabala ayafuna ukulungiswa ukuze abesemgangathweni wokudlalela ibhola ebukekayo. Idyongwana yakwaMqikela ithi ijonge ukulisebenzisa ithuba ukuze ifezekise iphupha layo.

“Ndiyakuvuyela ukuya eGoli. Ndizimisele ukulisebenzisa kakuhle ithuba endilifumeneyo,” kutsho uMqikela.

Uthe uzimisele uba ngumdlali obonakala kumabonakude kwaye odlala kwizinga looThembinkosi Lorch nooKhama Billiat.

Utitshala, okwangumqeqeshi esikolweni, uMomelezi Mbobho, uthe uMqikela ungumfundi onembeko, othobekileyo futhi unalo ithemba lokuba uza kuqhuba kakuhle kwiAcademy.

UMbobho uthe wambona uMqikela esafunda kumabanga aphantsi eDutywa ukuba unobuchule bokudlala ibhola, wazixelela ukuba uza kumlandelela.

Abaqeqeshi baseGcuwa abasakhasayo nabo baye bafumana inyhweba yokwabelana ngolwazi lwebhola ekhatywayo noKhan kuqeqesho oluthathe iintsuku ezimbini.

UKhan ubancomile abaqeqeshi ngelithi balulambile ulwazi lwebhola futhi babonakalise ukuzinikela kwabo.

UKhan uthe badinga inkxaso eyaneleyo ukuze bakwazi ukuphuhlisa ikhono labo.

isibhalo@inl.co.za