‘Umsebenzi wam uyabonakala’ – Ndongeni

Xolisani Nomeva Ndongeni

UXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni, owayeyintshatsheli ye-IBO light weight, usavuyela imbasa yembethi manqindi yonyaka ayifumene kumsitho obubanjelwe eThekwini kwiveki ephelileyo.

Le mbethi manqindi, 26, yeMpuma Koloni ifumene eli wonga kwicandelo ebikhuphisana kulo noSimphiwe Konkco – enye yeembethi manqindi eziqaqambileyo eMzantsi Afrika.

UNomeva uphumelele imidlalo emibini kunyaka ophelileyo – kodwa ebaluleke kakhulu kwikhono lakhe lamanqindi. Kumlo wokuqala wabetha * -Emilio Norfat kumjikelo wokuqala, walandelisa ngoJuan Garcia Mendez. Waba uNomeva uzenzela imbali ngokuyiphumelela yonke imidlalo engamashumi amabini anesibini.

Le ndedeba isayivuyela imbasa eyifumeneyo kwaye ithembisa ngezinto ezinkulu ezizayo.

“Kuluvuyo kum njengokuba ndiphumelele le mbasa. Le nto ithetha ukuba umsebenzi wam uyabonakala, ndiyavuya kakhulu. Ngokomsebenzi wam bendikulindele ukuphumelela – kodwa ndiye ndisazi ukuba wonke umntu obephaya usebenzile kakhulu. Bendizithembile – kodwa ndiye ndothuka xa kubizwa igama lam,” utshilo uNomeva kwincoko yakhe neli phephandaba.

Njengokuba unyaka ophelileyo uyihambele kakuhe le nzalelwane yaseMount Frere, kulo unyaka kulindelwe lukhulu kuyo. “Lo nyaka uyathembisa xa ndisiva. Ndilinde ukuvela komlo wehlabathi ungaphelanga lo nyaka,” uvale ngalo mazwi uNomeva.

Umlo wonyaka ibe ngulowo wawuphakathi kukaKonkco noHekkie Budler.

Kanti iwonga le mbethi manqindi yonyaka kwabasetyhini lithathwe nguBukiwe Nonina waseDutywa.

pedro.mapelo@inl.co.za