UMtawarira uyazilumkisa iiLions

Kule mpelaveki imidlalo yeSuper Rugby iyabuya, emva kwekhefu lenyanga yonke ngenxa yemidlalo emithathu yovavanyo ibidlalwa siSpringbok.

Amaqela sele eqalile ukudluliselana imiyalezo yokulumkisana. IStormers neeBulls kuphela kwamaqela alapha eMzantsi Afrika azakube edlala ngaphandle.

Umdlalo omkhulu weSuper Rugby kule mpelaveki ngumdlalo phakathi kweeSharks neeLions, nozakube udlalelwa e-Ellis Park Stadium ngoMgqibelo. Lo mdlalo ubaluleke kuwo omabini la maqela, kuba uzakucacisa ukuba iSuper Rugby ikekelela kweliphi na icala.

Ixhala ngokwenzaka kukaPat Lambie entloko alikapheli kwinkampu yeeSharks. Kuvakala ukuba uTendai Mtawarira nguye ozakubamba indawo kaLambie njengekapteni. UBeast nje- ngokuba esaziwa uMtawarira, ulumkise iiLions ngelithi kuzakufuneka zibile ukuba zifuna impumelelo. Lo mdlali uneminyaka engamashumi amathathu sele eqhelekile kiwqela lokuqala leeSharks, ugqibe iminyaka elishumi ngoku edlala kulo. Ukusukela kumdlalo wakhe wokuqala ngonyaka ka-2006, uthi umdlalo wangomso weSuper Rugby umenza imincili ngathi ngumdlalo wakhe wokuqala kwiiSharks.

“Umdlalo omkhulu nje- ngalo ngunobangela wokuba ndonwabele ukudlala umbhoxo njengendlela yokuphila,” litshilo eli gqala linemidlalo yovavanyo engamashumi asixhenxe anesibhozo kwiSpringboks.

“Siyazazi ukuba siliqela elijongelwa phantsi kulo mdlalo wangomso, loo nto yenza kubelula ukukhuthaza abadlali beeSharks. Sizakulwa ngokuzimisela ukwenzela ukuba siphumelele kulo mdlalo ngandlela zonke. Sizakuba nesibindi kodwa kufuneka silumke,” wangeze ngokutsho.

“Asizokudlala umdlalo ozakuvumela iiLions ukuba zihambe phambili ngamanqaku. Asifuni kuzifaka phantsi koxinizelelo, kufuneka sidlale ibhola kwiindawo ezifanelekileyo.”