UMthatha Bucks kufuneka unyuse umxakatho

UMthatha Bucks wenza ngcono kule sizini kune sizini edlulileyo

Kunyaka ophelileyo, abantu baseMthatha bafumana into ekwakukudala beyilangazelela – ibhola ekhatywayo. Ukungena koMthatha Bucks kwiNational First Division kwavuselela ithemba labalandeli bebhola.

Kwisizini yokuqala kwaNFD, iBucks ihambe nzima ngenxa yezinto ezahlukeneyo. Kuninzi kakhulu okwenziwa ngabaphathi kwade kwatshintshwa nabaqeqeshi.

Kwathi kuba leli xesha kunyaka ophelileyo abe Amathol’amnyama esemsileni kwaNFD. Izinto zatshintsha kwakugaleleka uVelile Dyaloyi.

Ngulo kaDyaloyi owaqinisekisa ukuhlala kweBucks kwaNFD. Phakathi kwezinye zeengxaki uMthatha Bucks owadibana nazo kukungafumani ixesha lokuzilungiselela kunye nabadlali ekwanyanzeleka ibachithe ngenxa yomthetho obukade unyanzelisa ukudlala kwabadlali abaneminyaka ethile abaqingqiweyo kumdlalo ngamnye.

Isiqalo seBucks besisihle kakhulu, kangangokuba ibikhokela kwinyanga yokuqala yale sizini. Zange kothuse oko ngoba isezandleni zikaDyaloyi – indoda ezimiseleyo umsebenzi wayo. Lo mqeqeshi waxelela eli phephendaba ukuba angayithatha ayise kwiPSL kwisithuba seminyaka emibini.

Ekuhambeni kwesizini le sikuyo uMthatha Bucks ubethwe yinto enye: ukudlala ngokubambana imidlalo emininzi. Kungoku nje inemidlalo elithoba eyidlale ntanganye – yogqitha onke amaqela akwiNFD.

Ingxaki ephambili kukungafaki amagowuli. Yinto leyo Amathol’amnyama ekufanele ayilungise ngokuthi athenge ifolosi entsha. Umdlalo woMthatha Bucks mhle, qha awufaki magowuli – uphinde uvulele amagowuli ngendlela elula emva.

Njengokuba ikwindawo yesixhenxe ngoku, kunganzima ukufumana iThanda Royal Zulu – kodwa amaqela asemva kwayo akayishiyi kakhulu ngamanqaku.

Lo nto ithethe ukuthi iBucks mayinyuse umxakatho kumjikelo wesibini weNFD ukuze ivale isizini iphakathi kwamaqela aphambili. Zimbini izinto ezinokwenzeka xa ivale isizini iphezulu; kukufumana ithuba lokudlalela ukunyukela kwiPSL okanye iqale ukulungiselela ukunyukela ngasentla kwisizini ezayo.

pedro.mapelo@inl.co.za