UMthatha Bucks kufuneka uxhome umgangatho

UMthatha Bucks kubonakala ngathi usakhangela isitya ebumnyameni kwiNational First Division. Oku kubonakele ngeCawa xa ibethwa yiBlack Leopards ngegowuli elinye eqandeni. Ngoku yehlile iBucks yaya kutsho kwindawo yeshumi elinesine, basenalo ithuba lokuba baguqule izinto phambi kokuba kuqosheliswe le sizini.

Kwisiqingatha sokuqala khange adlale ngokuzimisela omabini la maqela, kwaye khange kubekho mathuba okufaka magowuli. ILeopards iye yazibonakalisa ukuba idlalela kowayo kwisiqingatha sesibini, kwaye ibimxakekisa unozinti weBucks uMlungisi Maranti. Kwisiqingatha sesibini iBucks ifake igowuli elize nempumelelo yayo ngenqina likaMorgan Shivambu. Kumdlalo wesibini wangeCawa, iThanda Royal Zulu ibambene ngenqaku elinye macala neSantos. Isiqingatha sokuqala khange size namagowuli kulo mdlalo, uDevon Saal ufake igowuli lokuqala leSantos ngepenalthi. IThanda Royal Zulu nayo ikwazile ukuziphendulela ngegowuli elifakwe nguBoikanyo Komane sele uzakuphela umdlalo.

Amaqela amabini kula mathathu ahamba phambili kwiNFD abethiwe kule mpelaveki. IVasco da Gama yothuse abantu abaninzi xa ibibetha iBaroka FC ehleli kwindawo yokuqala kwiNFD ngamagowuli amathathu kwelinye kumdlalo ubudlalelwa eParow Park eKapa. Amagowuli eVasco afakwe nguSiphesihle Stuurman, uStainley Muishond no-Alcardo Van Graan.

AmaZulu abethwe okwesibini kule sizini kumdlalo wobukhaya, igowuli elifakwe nguKatlego Mphela ngomzuzu wamashumi amabini ananye, lincede iRoyal Eagles ukuze iqabele ngaphaya koSuthu. IMoroka Swallows ikwazile ukufumana inqaku elinye kumdlalo wayo neHighlands Park.